UMkonishinala wePhondo olibambela ukwamkele ukubanjwa kwelungu leSAPS.

By Asipile Kitchen.

UMkomishinala olibambela weMpuma Kapa, uMajor General Thandiswa Kupiso ukwamkele ukubanjwa kukaWarrant Officer Johanness Vlooh (47), owayekhululwe ngebheyile yama-2000 erandi, emva kokuvela eNkundleni kaMantyi yaseMonti kwiveki ephelileyo ngamatyala obuqhophololo nobusela.

Ityala lakhe lamiselwa uMvulo, womhla wesixhenxe (7) kweyeKhala ngophando oluthe kratya.

UJohannes Vlooh wabanjwa emva kophando olubanzi, olwaqala kwinyanga ezintlanu ezidlulileyo.

Kutyholwa ukuba uVlooh wabamba usomashishini wasetyhini ngetyala elinxulumene neziyobisi kweyoMqungu 2025. Kukwavakala ukuba wamnyanzela ukuba angene kwibhanki yakhe ngoku ekhona. Ngelixa ixhoba livalelwe emapoliseni, imali engama-R54 000 yalahleka ebhankini yakhe. Kwakhona kuthiwa ngelixa uphando luqhubeka, amapolisa athimba impahla yasendlini kwindawo ahlala kuyo uVlooh. Ezi mpahla zendlu zaye zachongwa lixhoba njengezinto zalo.

UMajor General Kupiso uthe, “Siyayivuyela into yokubonakalisa inkuthalo liCandelo leSAPS lePhondo lokuLwa uRhwaphilizo. Nokuba umntu unasiphi na isikhundla okanye icandelo leSAPS, akukho mntu ungaphezulu komthetho. I-SAPS ilindele ukuba bonke abasebenzi bayo basebenze ngenkuthalo, nangembeko. Nakuphi na ukuziphatha okungekho mthethweni kuya kuba neziphumo ezibi,” uvale ngelo uMaj Gen Kupiso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA