Umlilo ogqabhuke kwindlu yenkonzo uthabathe imiphefumlo yamalungu osapho olunye(5) naquka abantwana abathathu(3)

Amapolisa oMzantsi Afrika aphanda unobangela womlilo, emva kokuba indlu yenkonzo(iMission House) yamaWisile kwingingqi yase-Askeaton ithe yatsha yangqungqa ngobusuku bayizolo umhla wesithathu kweyeNkanga ngo2022 eCala.

Uphando lokuqala ludize ukuba kukho lilungu loluntu eliye lazisa amapolisa ngesiganeko sendlu etshayo nebinabantu abahlanu(5). Kuthe ke xa kufika amapolisa, afika ngenene indlu yenkonzo isitsha kwaye kukho amalungu osapho ngaphakathi.

Abacimimlilo nabebekwindawo yexhwayelo bakwazile ukuwucima umlilo kodwa icinywe sele usapho lubhubhile nanjengoko batshe bangqungqa ngaphakathi kwesisakhiwo.
Kuye kwasinda umsebenzi(domestic worker) kuphela noneminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ubudala noye wahlangulwa ze wabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango.

Amalungu osapho abhubhileyo nguMfundisi nowakhwakhe, bekunye nabantwana babo abathathu(3) intombazana enye namakhwenkwe amabini aphakathi kweminyaka emithathu(3) neshumi elinanye(11)

Iimeko ezijikeleze esi sehlo ziphantsi kophando kwaye idokethi le-Inquest libhalisiwe. Inkulubaphathiswa kwiPhondo leMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane ukhuphe amazwi ovelwano kusapho nezalamane lwakwaMphithi.

Nabani na onolwazi malunga nonobangela womlilo, uyacelwa ukuba aqhagamshelane neSikhululo samaPolisa saseCala okanye atsalele umnxeba kwinombolo yesitophu yolwaphulo-mthetho ku-08600 10111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA