INam Foundation ibixhobisa kwaye ixhasa abantwana kumsitho obuseMonti.

INam Foundation ibibambe isemina yezempilo yonyaka yokuqala e-ICC eMonti namhlanje.

ULizo Rhola nobesisithethi uthe eyona njongo yeNam foundation kukubuyisela kuluntu lwezikolo zabantsundu ingakumbi ezilalini. Wongeze ngelithi Injongo yeNam kukumanyanisa, ukuxhobisa, ukubuyisela isidima kunye nokukhuthaza ukuziphuhlisa kwabantwana kunye nabafikisayo ebomini ngemfundo.

UNgwekwazi Makhaba ongumseki weNam uthe wayisekelisa INAM eminyakeni emibini eyadlulayo (2020) bebonelela ngezihlangu zesikolo, iPads kunye neetawuli zococeko kubantwana bezikolo zasezilalini. Uvale nelithi injongo yalombutho kukunika abantwana abafikisayo ithuba lokufunda malunga nococeko lokuya exesheni, impilo yokuzala, i-HIV, ii-STIs ubomi bonke, ukuba ngumzali ofikisayo, impilo yengqondo, ukuxhatshazwa kunye nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi.

Ukwathethe wathi abantwana abangamakhwenkwe abakhathalelwa kangako xa kufikelelwa kwiincoko kwaye I-NAM Foundation ijolise ekukhonzeni umntwana oyinkwenkwe kunye nomntwana oyintombazana ukuba bafundiswe ngokufanayo kwezincoko.

Ingxelo:Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA