15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Umnini wevenkile eGqeberha umi akagunqi kuphawu lwe-LGBTQI+ kwivenkile yakhe

Ijaji yenkundla ephakamileyo yaseGqeberha iyalele ukuba kuchotshelwe umkhombandlela kwityala lomnini venkile otyholwa ngokucalula abahlali beLGBTQI+.

IKomishini yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika (SAHRC) irhuqe uDawood Lagerdien, ongumnini weLa Gardi Plastics & Baking Requirements, enkundleni ngenxa yophawu olucalulayo olubekwe ngaphandle kwevenkile yakhe eParkside.

Uphawu lwebhodi olubangele isiphithiphithi lwalufundeka ngolu hlobo: “LGBTQ Not Welcomed at La Gardi. Save our children !!! Right of admission Reserved!! (stet)”

Kumaxwebhu asenkundleni, i-SAHRC yathi uLagerdien akaxolisanga kwisimo sakhe kwaye kutyholwa ukuba uyile iqela likaWhatsApp ukukhuthaza intiyo eyongezelelekileyo.

I-SAHRC ifuna umyalelo oqinisekisa ukuba amagqabantshintshi kaLagerdien aquka, ukucela uxolo esidlangalaleni evuma umonakalo owenziweyo, kunye nesithintelo esithintelayo ekuziphatheni okufanayo.

Bakwafuna umonakalo ongama-R500 000, oza kuhlawulwa kwiNGO ekhuthaza ukulingana.

Ngaphambili uLagerdien uxelele abeendaba ukuba akananto ichasene nabantu abathandana nabesini esinye.

Wachaza ukuba ngoJuni, amadoda amabini akwiminyaka yawo yama-20 ubudala angena evenkileni yakhe aza aphathaphathana ngokwesini phambi kwabanye abathengi.

Ngokutsho kukaLagerdien, ixhegokazi kwafuneka livale amehlo enkwenkwe eneminyaka emithandathu ubudala.

Uthe xa ecela amadoda ukuba aphume evenkileni yakhe, “abambombozela” into ethile malunga neNyanga yeQhayiya kunye ne “LGBTQ”.

Umhla wokumanyelwa kwetyala awukamiselwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks