Kubanjwe abarhanelwa ababini ngezityholo zokuphanga ifama kaMongameli ku Phala Phala

Amapolisa kuzwelonke abhengeze ukubanjwa kwabantu ababini malunga noqhekezo olwenzeka ngonyaka ka-2020 kwifama kamongameli uCyril Ramaphosa ePhala Phala.

Isithethi samapolisa, uLieutenant-Colonel Katlego Mogale, uthi aba babini, abaneminyaka engamashumi amathathu namashumi amathathu anethoba, babanjwe eBela Bela naseRustenburg.

Uthe sele kumbovu ukuba kubanjwe umrhanelwa wesithathu.

Oku kuqhekezwa kwaba ngundaba-mlonyeni kwihlabathi jikelele ngethuba owayesakuba ngumphathi wezobuntlola, u-Arthur Fraser, etyhola uMongameli Ramaphosa ngokungaxeli uqhekezo lakuPhala Phala.

Kuphinde kwavela imifanekiso yeCCTV yabarhanelwa kwisiza apho izigidi zemali zangaphandle, ezifihlwe kwifenitshala, kuthiwa zibiwe.

Umongameli uRamaphosa usele ethe kratya kwikhwelo lokufuna intloko yeqela eliphikisayo kwezopolitiko ngalo mba, nalapho uMkhuseli woLuntu osandula kuqeshwa, uAdvocate Kholeka Gcaleka, emkhulula kuyo nayiphi na into engalunganga malunga nalo mkhwa.

Ingxelo yakhe icelwe umngeni enkundleni.

UGcaleka uye wakhulula umongameli kwizityholo zokwaphula imigaqo yokuziphatha gwenxa kunye nokusetyenziswa kakubi kwegunya ngokusebenzisa inkonzo yamapolisa yokukhusela umongameli ukuphanda ukuqhekezwa kwendlu kunye nokubiwa kwe-580 000 yeedola, imali yokuthengwa kwenyathi kwifama yakhe iPhala Phala eLimpopo ngoFebruwari ka-2020.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA