KWENZEKA ISEHLO NGOMHLA WAMASHUMI AMABINI ANANYE KWEYESILIMELA KU 2023.
1. Obekekileyo uMEC we-Cogta EC, uMnu. Zolile Williams
2. OHloniphekileyo. UMphathiswa we-ECDSD, uNksz. Bukiwe Fanta
3. USihlalo we-ECHoTL, inkosi uGwadiso.
4. INtloko yePhondo ye-EC yeCandelo le-FCS, uBrigadiya Konza.
Umama oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) (0677030542)wase Onxo (inkcukacha ezigcweleyo ziyafumaneka), uye watsalela umnxeba kwi-ofisi yam esithi masicele iofisi yakho ingenelele emva kokwaluswa kwalo mfana.
Esi siganeko singathandekiyo nesothusayo senzeke ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini ananye kweyeSilimela ku2023 emva kokuba le nkwenkwana ixelele umama wayo ukuba ibityelele umhlobo othile eSibangweni ukuza kukhuphela umculo.
Malunga nentsimbi yeshumi elinanye kusasa, umama wakhe watsalelwa umnxeba exelelwa ukuba unyana wakhe ungumkhwetha.
Igama logqirha wemveli liyaziwa kwaye siya kulikhulula xa liceliwe.
Amalungu osapho (amadoda) ayokuhlangula le nkwenkwana ahamba nayo ukuya eGcuwa apho uninzi lwawo luhlala khona.
Umama wale nkwenkwe ucela naluphi na uncedo lokuba kubanjwe abo bafake umntwana wakhe kulo msebenzi uyingozi nanjengoko ekholelwa ukuba lo mfana wayengekho kwiminyaka efanelekileyo yokuya kwisikolo sokwaluka.
IZIMVO EZIVELA KWIOFISI YETHU: Ndikwahlaba ikhwelo kwiinkokheli zeMveli; Iingcibi zesiNtu kunye nabanye abadlala indima ukuba bahloniphe eli siko kwaye baziphathe ngolo hlobo. Zezi mpazamo zokungakhathali ezivula iingcango zokugxekwa, ndisakholelwa ukuba amadoda nawo kufuneka aqale ukuliqonda ixabiso nentsingiselo yokuba yindoda.
Ndiyathemba ukuba iNtloko yeSebe leFCS uBrigadier Konza naye uzakusebenzisana nabanye abathathi nxaxheba babambe abo babandakanyekayo kolu Luko lungekho mthethweni. inkwenkwe isemncinci kakhulu.
Kwakhona sicela abasemagunyeni abafanelekileyo ukuba bawuphonononge wonke umsebenzi wale ngcibi bajonge ukuba iyayithobela na imithetho nemigaqo yolwaluko lweSintu.
Ukuba sifuna ukuphumelela idabi, masisebenze kunye ukukhusela abantwana bethu.
UPETROS MAJOLA ophuma kwiKhula Community Dev. Iprojekthi ye-EC