12.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

UYINTLANTSI YETHEMBA KUBAFUNDI BASENGCOBO UMBUTHO I-SAKHIKAMVA YOUTH DEVELOPMENT FOUNDATION

Umbutho ongenanto yakwenza no Rhulumente nongazibandakanyanga nezopolitiko i Sakhikamva youth development Foundation ibibhiyozela usuku lolutsha i Youth day ngomhla we 16 ku Juni 2023 kwisikolo samabanga aphezulu iNgubesizwe Engcobo phantsi koMasipala i Dr AB XUMA nalapho lombutho uye wadibanisa abazali, otishala nabafundi abasuka kwizikolo ezohluka-hlukeneyo bebonelela abantwana abangathathi ntweni ngezihlangu, i Sanitary pads kunye ne toiletries.

Abawuvali abazali notishala ngomsebenzi omhle owenziwe leligqiza.
I Sakhikamva youth development Foundation yaqala ngonyaka ka 2016 iqalwa ngamalungu amahlanu(5) kwilali yaku Beyele Engcobo ngeenjongo zokuzama ukukhawulelana neemeko zabantwana kwakunye nemicelimngeni kubantwana basemaphandleni babancedise ngezinto abazidingayo ukuze bafunde babenekamva eliqaqambileyo.

Usihlalo wolombutho u Phumzile Magcanya uveza ukuba kwiphulo labo lokuqala bandwendwela isikolo samabanga aphezulu i Ngubesizwe engcobo nalapho babefuna ukufaka isandla ekuncediseni abafundi bafumane iziphumo ezincomekayo emva kokufumanisa ukuba abantwana belaziko abanazixhobo zaneleyo zokufunda kuquka i scientific calculators.

Nalapho eligqiza laye layithathela ezandleni zabo lemeko, baqokelela malunga ne 87 ye calculators banikela ngazo kwababantwana ngonyaka ka 2017, emva koko bathi baye bawubona umahluko kwiziphumo zabo. Eliphulo aliphelelanga apho ngonyaka ka 2018 baye banika abantwana abangathathi ntweni kwesisikolo imali engange R3000 umntana emnye kubantwana ababefumene indawo yokufunda edyunivesithi ukunceda ukuze kubelula kubo ukuqala kwindawo ezintsha.

Baye baqhubekeka bencedisa kwesisiskolo ukuzama utshintsho kwizifundo zabo bebanika ne careers guidance nanjengoko lamalungu ayimbewu yesisikolo i Ngubesizwe.

Ngokuhamba kwamaxesha lombutho wabona ukuba mawande uye nakwezinye izikolo nalapho banikela ngezihlangu eziyi 50 ngexesha le covid 19 kwisikolo i Xhibeni kubantwana abangathathi ntweni ukuze kubelula ukuya esikolweni. Loka Magcanya uthi ngokungalali kwabo bezama ukunceda ababantwana baye bacela izikolo ezintlanu kwa ward 7 phantsi kuka Nkosi Zwelilungile nalapho bafumana abantwana abay 20 kwisikolo ngasinye ukuze bafake isandla kwimeko zabo nalapho bafumana abantwana kwizikolo ezohluka-hlukeneyo kuquka iNgubesizwe, Zamwonga, Tshatshatsha, Exhibeni, Nogwaza, Qoba, kunye no Bojane.

I Sakhikamva ikwazile ukuqokelela ngaphezu kwe 180 yeperi zezihlangu zesikolo, i-sanitory pads kunye ne toiletries yanikeza ababantwana ngomhla we 16 june 2023.

I Sakhikamva youth development Foundation idlulisa amazwi ombulelo kubantu abathe banikela ukwenza lomsebenzi ubeyimpumelelo kwaye ukwabongoza uluntu ukuba lubaxhase ukuze abantwana base Ngcobo bancedakale bonke. “Abantu abafuna ukungenelela kwi Sakhikamva bamkelekile nanjengoko uncedo lwabantu abaninzi siludinga ukuze sikwazi ukufezekisa umnqweno wethu wokuba sibene Science lab kunye ne Computer lab eNgubesizwe ukuze abafundi bazoqhelana nazo bangadibani nazo edyunivesithi” lawo ngamazi ka Sihlalo walombutho u Phumzile Magcanya

Sithetha nje eligqiza lithe saa iinzwane licela amalizo kwiinkampani eziphezulu ezahlukeneyo, kumaziko oshishino na kuRhulumente wephondo leMpumakoloni ingakumbi kumasipala waseNgcobo I Dr AB Xuma ukuba bafake isandla ukokha ikamva eliqaqambileyo lababantwana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
95 %
1.3kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
16 °
Sat
16 °
Sun
14 °
Mon
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks