Iingxelo zidize ukuba umrhanelwa otyholwa ngokuxhwila nokuqweqwedisa ummi waseChina ngenyanga kaTshazimpuzi, ubephume ngengqawule eziseleni.
Indoda eyanyaniswa nokuxhwilwa kukasomashishini waseGqeberha kwinyanga kaTshazimpuzi, kufunyaniswe ukuba yayiphume ngengqawule ngetyala lokubulala ngethuba kutyholwa ukuba yenza eli tyala.
Ezi nkcukacha zivele kwinkundla yamatyala eGqeberha ngoLwesihlanu umhla wesihlanu (5) kweyeKhala, kafutshane nje phambi kokuba kuqaliswe isicelo sebheyile sikaMnyamezeli Teteo oneminyaka engamashumi amahlanu anethoba (59) ubudala.
UTete wabanjwa ngooKhetshe ngomhla wethoba (9) kweyeSilimela 2024, malunga neekhilomitha ezintathu ukusuka kwidolophu yaseFort Beaufort. Kuthiwa ebezama ukubaleka ukubanjwa.
Phambi kokuba isicelo sebheyile siqhubeke, inkundla ihletyelwe ukuba unamatyala amathathu (3) angaphambili kwaye akukho matyala amisiweyo.
Ukanti umtyholwa ungaphandle ngengqawule ngetyala lokubulala, ukongeza kumatyala amabini angaphambili okuphanga esebenzisa iimeko ezimanyukunyezi kunye nobusela beemoto.
Ukanti ukubulawa kuthiwa kwenzeke ngexesha lokuphangwa. Akukho zinkcukacha zithe zabhengezwa. Ummeli wezokhuselo uZolile Ngqeza wenze ingxelo efungelweyo exhasa isicelo sebheyile sikaTete ngokweSchedule 5, eyathi kamva yatshintshwa yaba nguSchedule 6. UNgqeza uthe ngenxa yolu tshintsho kuzakufuneka umxhasi wakhe anike ubungqina bokuba akhululwe ngebheyile.
Kusenjalo ukuxhwila uTete atyholwa ngako, kokukaRunning Rodney Chen, oneminyaka engamashumi amathathu nanye (31) ubudala, owaxhwilwa kwindawo yeshishini lakhe kwisitalato iDoyle ngomhla wesihlanu (5 ) kuTshazimpuzi kulo umiyo.
U-Chen, weSizwe saseTshayina, ungumnini weshishini i-R&R Windscreens eNorth End eGqeberha. Emva kokuba abaqweqwedisi bakaChen bamxhwila, kuthiwa bafuna intlawulelo kunina.
Iingxelo zadiza ukuba, wehliswa eKariega ezinzulwini zobusuku emva kweentsuku ezintandathu (6) emva kokuba kuhlawulwe intlawulelo.
Isicelo sebheyile sikaTete simiselwe umhla weshumi elinesibini (12) kweyeKhala.
Zimbini Mdolomba