16.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Akululanga nakoompondo zihlanjiwe ngoku kwiNdebe yeHlabathi.

Zinyuka umnqantsa izitsibabhokhwe ezincinci

Ithathe elinye inyawo ngoku kunjalo nje zajika izinto kwiNdebe yeHlabathi yamakhwenkwe angaphantsi kwamashumi amabini (u/20) eminyaka eKapa ngoLwesine umhla wesine (04) kule imiyo inyanga.

Kukho amaqela enze umothuko nembali ngoLwesine, amanye abethwe kungalindelekanga amanye aphumelela engaqondanga.

Iqela leJunior Boks loMzantsi Afrika lelinye iqela elifumene ukuphoxeka ngoLwesine ngethuba libhaxabulwa yi-Argentina, ukhumbule ukuba i-Argentina ize kulomdlalo wangoLwesine inenxeba lokubethwa labhulelwe amasaka yiNgilane, wona uMzantsi uze imisila iphezulu emva kokuphumelela kakuhle umdlalo wokuvula ibhuqa iFiji.

ILos Pumitas yaseArgentina ibhuqe iJunor Boks yoMzantsi Afrika ngamanqaku angamashumi amathathu nanye kwishumi elinesibini (31-12) kumdlalo ubukumabala iDanie Craven eStellenbosch. Ngoku iNgilane, i-Ireland neNew Zealand azikabethwa.

IArgentina, i-Italy neWales ziphumelele okukuqala kuletumente. Kumabala ase-Athlon kwenzeke imbali ngethuba I-Italy ibetha iAutralia okokuqala ezimbalini ngamanqaku alishumi elinesixhenxe kwishumi elinesibini (17-12).

I-Argentina ngoku ilingana nabahlinzeki iSouth Afrika kuluhlu C ngamanqaku amahlanu (5). I-Argentina yayibetha iSouth Africa kwakanye kwimidlalo abayidlalileyo elishumi elinanye (11) phambi kwalomdlalo.

Kuluhlu B I-Ireland ibethe iGeorgea ngamanqaku angamashumi amabini anesibini kwishumi elinesithandathu (22-16). Kuluhlu C iNgilane ibhaxabule iFiji ngamanqaku angamashumi amane anesibhozo kwishumi elinanye (48-11).

Kuluhlu A iWales izibethele iSpain ngamanqaku angamashumi amathathu nanye kwishumi (31-10).

Kuluhlu A iNew Zealand ibethe iFrance kumdlalo obunzima ngamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe kumashumi amabini anesithandathu (27-26).

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
61 %
2.9kmh
0 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks