Babini abadlali be-Orlando Pirates abakwiqela le-CAF Champions League emva kokwenza kakuhle kakhulu ngethuba bekhokela uluhlu C, besogqitha amanye amaqela. Kukhethwe abona badlali abadlale kakuhle ukunceda amaqela abo, bebonke ababadlali balishumi elinanye (11).
NguRelebohile Mofokeng noThabiso Sesane kanti kwiMamelodi Sundowns nguTeboho Mokoena abadlali bamaqela oMzantsi abathe bakhethwa njengababalaseleyo kwimidlalo ye-CAF Champions League.
USesane weBhakabhaka uncedise ekubeni kungafakwa manqaku maninzi kubo, nto leyo eyenze ukuba i-Pirates ibe yenze irekhodi njengelona qela kungafakwanga manqaku maninzi kulo.
Yena uMofokeng uncedise kakhulu kwimpumelelo yezimnyama ngenkani ngethuba efaka amanqaku amathathu nalapho ekwancedise kabini ekubeni abanye abadlali be-Pirates bafake amanqaku. Elinye inqaku athe walifaka elathi labaluleka lelo alifake ngethuba bedlala neqela elilelona liphumelele iindebe ze-CAF Champions League amatyeli amaninzi yi-Al Ahly yase-Egypt.
Nangona iMamelodi Sundowns ingaqhubanga kakuhle kwimidlalo yoluhlu kodwa amava ayenze yagqithela phambili, phakathi kwabadlali singabalula amava kaTeboho Mokoena odlala esuswini nodlale imizuzu engamashumi alithoba (90) ukutsho oko udlale umdlalo ngamnye eqala de uphele yonke imidlalo yesigaba yoluhlu.
By Siphiwo Boqwana

