UMongameli uCyril Ramaphosa utyikitye umthetho wokudala inkqubo-sikhokelo enye elawula ukuthengwa kwempahla karhulumente.
UMongameli uCyril Ramaphosa utyikitye umthetho wokudala inkqubo-sikhokelo enye elawula ukuthengwa kwempahla karhulumente ngawo onke amaqumrhu karhulumente, kujongwe ukusebenza kakuhle, ukonga imali, kunye nokuthembeka.
Lo Mthetho usaYilwayo ujonge ukomeleza ukungafihli kunye nemfezeko, ukulwa urhwaphilizo kunye nokuqinisekisa ukusetyenziswa kwezibonelelo zoluntu ngelixa uqhubela phambili inguqu nokwandisa intatho-nxaxheba kwezoqoqosho.
Ingqonyela yeBBC, uKganki Matabane uthi lo mthetho uzakunceda ngokukhawulezisa inguqu kwezoqoqosho.
UMatabane uthi, “UMzantsi Afrika, kwihlabathi liphela, usebenzisa uninzi lwamayeza e-HIV kuba uninzi lwabantu abane-HIV baseMzantsi Afrika. Kodwa awenziwa amayeza apha eMzantsi Afrika, kuba akukho mthetho uvumelayo.
“Ngoko ke sixakekile sidala amathuba emisebenzi kwamanye amazwe, afana ne-India ne-China njalo njalo. Kodwa ngoku kukho umthetho, ukuba umzekelo njengeBhunga loShishino lwabaNtsundu sivakalelwa kukuba urhulumente akaphumezi okanye akahlali ngokwaneleyo, singade sise urhulumente enkundleni ngelithi uphumeza eyakhe imithetho.
“Kodwa besingenakuyenza loo nto ngaphambili kuba bekungekho mthetho wokusixhasa.”