Umongameli uRamaphosa uwothulel’ umnqwazi i-EPWP, uthi ‘udale izigidi zemisebenzi’

INkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi yoLuntu (EPWP) inconywe ngempumelelo nguMongameli Cyril Ramaphosa othe eli phulo likarhulumente lidale amathuba emisebenzi angaphaya kwezigidi ezilishumi elinesine ukusukela oko lasekwayo kwiminyaka engamashumi amabini (20) eyadlulayo.

URamaphosa ebethetha kumsitho wokuphehlelelwa kwale nkqubo yeSigaba sesihlanu kwibala lezemidlalo iBuffalo City eMpuma Koloni.

Urhulumente uthi i-EPWP yinkqubo yelizwe lonke edala amathuba emisebenzi kwaye ibonelela ngenkxaso yengeniso kubantu abahlelelekileyo nabangasebenziyo “ngokunikezelwa kwempahla neenkonzo zoluntu, ngokwenza oko kube negalelo kuphuhliso”.

Yenye yeeNkqubo zeNgqesho yoLuntu yelizwe kwaye iphunyezwe kule minyaka ingamashumi amabini (20) idlulileyo ukusukela ngoAprili ka-2004.

I-ofisi kaMongameli Ramaphosa ithe ukusukela oko yathi yasungulwa eli phulo “lidale amathuba emisebenzi angaphezu kwezigidi ezilishumi elinesine kuwo onke amacandelo e-EPWP ngokusebenzisa amaqumrhu karhulumente angaphezu kwamakhulu amathathu (300) kunye neMibutho eNgenaNzuzo (NPO) emilisela i-EPWP”.

Amathuba emisebenzi adalwe kumacandelo afana nokwakhiwa nokulungiswa kweendlela, ukwakhiwa kwezikolo neekliniki, ukunikezelwa kweeNkonzo zoPhuhliso lwaBantwana aBasaqalayo, iiprojekthi zohlaza nokucocwa kwendalo, iiprojekthi zomlilo kunye nokususwa kweeprojekthi zezityalo ezingaqhelekanga.

Ngethuba esenza intetho yakhe yosuku, uMongameli ukwabhekise kwintetho yangaphambili yeNkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, nothe waveza amagqabantshintshi exesha lorhulumente wephondo.

“Simve [iNkulumbuso uMabuyane] esithi bayanda abatyali-mali abazayo eMpuma Koloni [kwaye] samva esithi sikhupha iziseko ezingundoqo,” utshilo uRamaphosa.

Ukwadize ukuba iProjekthi yaManzi yaseMzimvubu eMpuma Koloni ekugqibeleni iyakhiwa – kwiminyaka elishumi elinesixhenxe emva kokuba yabhengezwa okokuqala.

I-R8-billion ibekelwe bucala ukulungiselela lo msebenzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA