Imvumi edumileyo yaseLimpopo uShebeshxt ubanjiwe ngezityholo zokuzama ukubulala

By Sophumelela Singqota

Imvumi edumileyo yaseLimpopo, uLehlogonolo Katlego Chauke, nodume ngelikaShebeshxt, ubanjwe ngentseni yangoLwesithathu ngamatyala amabini okuzama ukubulala emva kwesiganeko sokudubula ePolokwane kwinyanga ephelileyo, amapolisa aqinisekisile.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseLimpopo, uColonel Malesela Ledwaba, ukubanjwa kwenzeke ngentseni yangoLwesithathu malunga nentsimbi yesithoba ekuseni.

Ubanjwe ngethuba lephulo lobuntlola kwindawo yentengiso yaseBendor, ngaphandle kwasePolokwane.

“Ukubanjwa kwaqhutywa ngentsebenziswano phakathi kweYunithi yoPhando kwiPhondo kunye neProvincial Tracking Team, kulandela ukukhutshwa kwencwadi egunyazisa ukubanjwa eyayanyaniswa namatyala amabini okuzama ukubulala abhaliswe eWesternburg SAPS,” utshilo uLedwaba.

Wongeze ngelithi, ukubanjwa kwalo mculi we “Ambulance” kususela kwisiganeko esenzeka kusasa ngeCawa umhla we-19 kwinyanga yeDwarha 2025, ngakwisitalato iWitklip eLadanna, ngaphandle kwasePolokwane.

“Kurhanelwa ukuba umrhanelwa uye waxambulisana nomnye umqhubi wemoto, apho aye wadubula izihlandlo ezininzi kwesinye isithuthi, wenzakalisa indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ebikhwele apho, ibalekiselwe kwisibhedlele sasekuhlaleni yenzakele kakhulu,” utshilo uLedwaba.

Ityala laqala lavulwa eWesternburg SAPS laze kamva ladluliselwa kwiCandelo loPhando lePhondo ukuze kuphandwe ngakumbi.

“Abecuphi baphumelele ekufumaneni isigunyaziso sokubanjwa ngoLwesibini, umhla weshumi elinanye kweyeNkanga ka-2025, nto leyo ekhokelele ekubanjweni komrhanelwa,” utshilo.

Ngethuba lo msebenzi, amapolisa aphinde athi izithuthi zomrhanelwa ziyinxalenye yophando oluqhubekayo.

UMkomishinala wePhondo laseLimpopo uLieutenant General Thembi Hadebe uncome uphando kunye namaqela asebenzayo ngomsebenzi wawo okhawulezayo.

“Siwuthathela ingqalelo kakhulu lo mba, kwaye konyulwe igqiza elizimiseleyo ukuqinisekisa ukuba akukho litye lishiyeka linganqikwanga,” utshilo uHadebe.

“INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika iyaphinda ithi akukho mntu ungaphezulu komthetho, nokuba unjani na ekuhlaleni,” wongeze watsho.

UShebeshxt, othandwa ngabaninzi ngeengoma zakhe eziquka uKe “Di Shxt Malume,” kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi yasePolokwane ngoLwesine, umhla we-13 kweyeNkanga ku-2025, ngezityholo zokuzama ukubulala.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA