Babini(2) ngoku abadlali abathunyelwe eMzantsi emva komonzakalo kwinkampu yeKaizer Chiefs eTurkey. Umdlali wokuqala(1) ukuthunyelwa ekhaya ibenguEdmison Dove waseMozambique.
UBongani Sam nongumdlali wokuqala(1) ukutyikitywa ngamakhosi esuka kwi-Orlando Pirates uye wafumana ukonzakala ngethuba ezilolongela isizini ezayo namakhosi, uSam udlala ngasemva kwicala lasekhohlo nalapho kuye kwacaca mhlophe ukuba uyokuthatha indawo kaSifiso Hlanti nokhululweyo yiChiefs.
IKaizer Chiefs iseTurkey nalapho izilolongela isizini ezayo, iChiefs inabadlali abahlanu(5) ebebefumene ukonzakala baze abakwazi ukuba yinxalenye yeqela elihambayo ngenxa yoko, kodwa ekuhambeni kwexesha yena uAshly du Preez uye wabizwa nangona enomonzakalo.
Eliqela belingeka bhengezi namnye(1) umdlalo wobuhlobo abazakuwudlala e-Europe ukuzakuthi gaa ngoku. Kuba uSam ethe wafumana ukonzakala uNabi ongumqeqeshi weChiefs ushiyekelwe nguHappy Mashiane noReek Frosler kube kukho noThatayaone Ditlhokwe onokwazi ukudlala kulandawo.
iChiefs iye eTurkey ngaphandle kwabadlali abafana noTebogo Potsane, uDillan Solomons, uGeorge Matlou noMduduzi Mdantsane.
By Siphiwo Boqwana

