UMotsoaledi ulumkisa ngoobhubhane bexesha elizayo, ngelixesha lalo we-HMMPV.

UMphathiswa wezeMpilo u-Aron Motsoaledi ulumkisa abantu baseMzantsi Afrika ukuba balungiselele ukwanda koobhubhane njengemiceli mingeni yehlabathi efana nokutshintsha kwemozulu kunye nongenelelo lwendawo yokuhlala. Iintetha zakhe zifika ngexesha lesifo sobhubhane lwabantu i-metapneumovirus yomntu (i-HMPV) e-China.

I-HMPV, esisigulo sokuphefumla esineempawu ezifana neCovide-19, sizise inkxalabo kwihlabathi. Ethetha kwiPhondo laseMntla Ntshona ngoLwesibini, uMotsoaledi uye wakugxininisa ukubaluleka kokuphaphazela kanye ngelixesha kuvela izisongelo zempilo ezisakhasayo.

UMphathiswa uMotsoaledi uthe, “Bayathethathethani, ukuba yintoni na emele ukuba yenzeke xa kufika ubhubhane omtsha elizweni, yintoni ekufuneka yenziwe ngamazwe.” Uye wabhekisa kwimizamo eqhubekayo ngabasemagunyeni ezempilo, ebalaselisa ukuba uPrecious Matsoso owayesakuba ngumlawuli-jikelele wezempilo waseMzantsi Afrika, ubambe ingqungquthela yombutho wothethwano phakathi koorhulumente kwiNdibano yezeMpilo yeHlabathi (World Health Assembly) eGeneva, eSwitzerland.

Umphathiswa wathi unxulumanise ukuxhaphaka koobhubhane kwiimeko zokutshintsha kwemoyezulu, ukunganyangeki kweAnti-microbial, kunye nokungena kwabantu kwiindawo zokuhlala zezinye iintlobo. Waphawula ingozi enokubangela kubekwe abantu esichengeni sezifo ezithwalwa zizilwanyana zasendle.

“Ndiyakholelwa, kwaye ndayivakalisa kwiZizwe Ezimanyeneyo 9United Nations) apho ndandikunye noMongameli ngenyanga yoMsintsi, ukuba ihlabathi kufuneka lamkele kusezakubakho oobhubhane abanintsi,” watsho uMotsoaledi.

Iingcali eMzantsi Afrika ziye zaqinisekisa esidlangalaleni ukuba akukho sizathu sokoyika ngokubhekisele kwi-HMPV oqhambuka eChina. Intsholongwane le, echaphazela abantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesine (14), ibekwe esweni kakhulu ngabasemagunyeni.

Intetho kaMotsoaledi igxininisa isidingo esibalulekileyo semilinganiselo yokusebenza kunye nentsebenziswano yamanye amazwe ukunciphisa ifuthe lempembelelo yoobhubhane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA