UMpathiswa wezeMfundo, uGade uthumele amazwi ovelwano kusapho loTitshala waseBCM obuleweyo.

UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, udlulise amazwi ovelwano kusapho lomfundisi-ntsapho waseGreenpoint obulewe kabuhlungu ngentseni yangoMgqibelo kwindawo abehlala kuyo eMonti.

Isebe lifumene iingxelo ezothusayo malunga nesi senzo singekho mthethweni sobundlobongela obusenziwa ngumntu ongaziwayo kumasango esikolo. Ixhoba, elingumfundisi-ntsapho weBanga leshumi elinesibini (12), belihlonitshwa njengomnye wootitshala abangumzekelo kwesi sikolo, de wanikwa uxanduva lokubumba iingqondo eziselula kuluntu lwesikolo. Wagqwesa ngokukodwa ekufundiseni kwakhe izifundo zePhysical Sciences.

Ukusabela kwesi sehlo sibi, igqiza elizinikeleyo elibonelela ngenkxaso ngokwasengqondweni nesikhokelo kwiSithili seMfundo saseBuffalo City liye lahlangana ngokukhawuleza ukuze linike uncedo neengcebiso kuluntu lwesikolo nosapho lomfi. Ukongezelela, igqiza lesithili lityelele isikolo ukuze lidlulise amazwi ovelwano kubafundisi-ntsapho, kubafundi nakwiBhunga loLawulo leSikolo.

UMphathiswa uGade ubongoza uluntu kunye nosapho ukuba basebenzisane ngokupheleleyo nophando lwamapolisa oluqhubayo. Uye wabethelela ukubaluleka kokungagxininisi kuphela ekulahlekelweni ngumfundisi-ntsapho koko kwakhiwe ubumbano nenkxaso kwiinzame zokuthotyelwa komthetho ekusombululeni esi sehlo solwaphulo-mthetho.

“Umfundisi-ntsapho ongasekhoyo, onamava angaphaya kwamashumi amathathu eminyaka kwimfundo yefiziksi, wadlala indima enkulu kwiiklasi zongenelelo zematriki zesithili. Ukuzinikela kwakhe kuthetha ukuba abafundi abaninzi abasebancinci abaxhamla kubuchwephesha bakhe ngoku bahluthwe ithuba lokugqwesa kwifiziksi,” utshilo. watsho uGade.

Amalungiselelo omngcwabo neenkqubo ezinxulumene noko ziya kwaziswa xa sele zigqityiwe lusapho. Ukuza kuthi ga ngoku, akukabanjwa mntu, kwaye amapolisa asaqhubeka nokuphanda ngalo mba ngenyameko.

Siyakholwa Vuso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA