20.6 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

Umphathi wePSL uAndile Ncobo ugcinwe eluvalelweni njengoko umbuso uchasa ibheyile kwityala lobundlobongela basekhaya.

By Nyameka Lamani.

UManejala Jikelele wePSL nongusomashishini uAndile “Ace” Ncobo ugcinwe eluvalelweni njengoko umbuso usichasa isicelo sakhe sebheyile kwityala lobundlobongela basekhaya. Waye wabanjwa emva kwesityholo sokubetha isithandwa sakhe, uAnney Xala, emva kwengxabano kwiflethi yabo eKempton Park ngomhla weshum,i elinesibhozo (18) kweyeSilimela 2025.

Esi sibini, esineminyaka emithandathu sikunye, sisembindini wenkundla yamatyala, nalapho uNcobo erhola umvuzo wenyanga ongaphaya kwamakhulu amabini amawaka eerandi (R200,000) kwiPSL.

UNcobo uvelile kwinkundla kamantyi eKempton Park eKurhuleni ngeliya kucela ibheyile. Igqwetha lakhe, uLeon Khoza, uthe uNcobo akazukulibaleka ityala xa enokunikwa ibheyile, echaza ukuba sele ethobela imiqathango yebheyile enxulumene nobuqhetseba obuhlukeneyo kunye nezityholo zokuxhaphaza imali eKapa.

ICandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (iiHawks) liphanda ngezi zityholo, ezibandakanya ubuqhophololo obuxabisa iR15 yezigidi zeerandi ezinxulumene neeprojekthi zolwakhiwo lwezikolo ezixhaswa ngemali yiPetroSA. UNcobo nenkosikazi yakhe uSalome bavela kula matyala ngenyanga kaCanzibe 2025.

Ngaphandle kwesicelo sikaXala sokurhoxisa ityala lobundlobongela basekhaya, umtshutshisi wombuso uTakalani Mukhumo uxelele inkundla ukuba umbuso uzimisele ukuqhubeka ngenxa yobuzaza balo mba. Umbuso utyhola ngelithi uNcobo nenkosikazi yakhe bafumana imali ngobuqhophololo kwiPetroSA ngenkqubo yotyalo-mali lwentlalontle ejoliswe ekuxhaseni izikolo ezihlelelekileyo neeprojekthi zabahlali.

IPetroSA yayivumile ukunikela ngeR13 yezigidi zeerandi ukuze kwakhiwe ngokutsha isikolo, nalapho uNcobo elawula ulwakhiwo phakathi kuka-2008 no-2009, nangona isikolo singazange simgunyazise njengommeli okanye umphathi weprojekthi.

UNcobo uvakalise ukuba uzimisele ukuhlala kwenye idilesi ngelixa kugqitywe ityala. Ngoku ugcinwe kwiziko loLuleko laseModderbee, eBenoni. Unikwe ibheyile yamawaka angamashumi amahlanu eerandi (R50,000) kwizityholo zobuqhophololo kunye nokurhwaphilizwa kwemali, ngelixa unkosikazi wakhe yena wanikwa ibheyile yeR30,000.

“Ndivuma ngokuzithoba ukuba iimfuno zobulungisa ziyakuvumela ukuba ndikhululwe ngebheyile, ngokususela kwezi meko zilandelayo: ukuba akukho sizathu sokuba ndikhululwe ngebheyile, ndingabeka emngciphekweni ubomi boluntu okanye amangqina okanye ndiza kulibaleka ityala okanye ndoyikise amangqina,” litshilo igqwetha likaNcobo, uLeon Khoza.

Umtshutshisi wombuso uTakalani Mukhumo uphendule wathi, “Urhulumente uyakuchasa ukurhoxiswa kwezityholo njengoko kuceliwe ngummangali.
UMukhumo uqhube wathi, “Akukho ziqinisekiso zokuba ukuba umtyholwa ukhululwe ngebheyile, akazukuphinda enze elinye ityala.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
62 %
6.4kmh
100 %
Wed
19 °
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
34 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks