15.5 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

URamaphosa kulindeleke ukuba athethathethane nabo bachaphazeleka kwizityholo ezibekwa ngqo, nguMkhwanazi.

By Buhle Nomgalasa.

UMongameli uCyril Ramaphosa kulindeleke ukuba achaze kwaye athethathethane nabo bachaphazeleka ngokuthe ngqo kuthotho lwezityholo ezenziwe nguMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi ngeCawe umhla wesithandathu (6) kweyeKhala 2025.

Ethetha noonondaba eThekwini, uMkhwanazi wenze izityholo ezininzi ngakumagosa aphezulu amapolisa aquka uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kunye noSekela Mkomishinala kuzwelonke uShadrack Sibiya.

Uthi babandakanyeka kumbutho olawulwa ngamashishini athengisa iziyobisi kunye noosomashishini abangene kulwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo elizweni. Ethetha kwiNgqungquthela yeBRICS eBrazil ngoMvulo, umhla wesixhenxe (07) kweyeKhala 2025, uRamaphosa uthe uzakuqubisana buqu ngalo mba xa ebuyela eMzantsi Afrika.

“Bendingayazi le nto, kwaye kuyacaca ukuba ngumba endiya kuwenza xa ndifika ekhaya. Kuza kufuneka ndiwujongisise ngakumbi kwaye ndenze ingxoxo ecokisekileyo neqela labantu kwaye emva koko kuya kubakho indlela ecacileyo eya phambili.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.5 ° C
15.5 °
15.5 °
53 %
4kmh
87 %
Fri
15 °
Sat
33 °
Sun
23 °
Mon
27 °
Tue
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks