UMphathiswa uBukiwe Fanta uyabugxeka ubundlavini obenzwe kwintombazana eneminyaka esixhenxe (7) ubuncinci.

Ukudlwengulwa ngenkohlakalo kwentwazana eneminyaka esixhenxe (7) ubuncinci ekupheleni konyaka ophelileyo, kubangele ukothuka nomsindo kuluntu lwaseMatatiele kunye nePhondo leMpuma Kapa liphela, kuhlatywa ikhwelo lobulungisa kunye nenyathelo elikhawulezileyo lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nakubantwana.

UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Kapa, uBukiwe Fanta, ulukhalimele kabukhali olu lwaphulo-mthetho lumasikizi, eqinisekisa ukuzinikela kukarhulumente ekukhuseleni abantwana abasesichengeni kunye nokuqinisekisa ukuba umenzi wobubi ujongana nengalo yomthetho.

“Ukhuseleko nentlalontle yabantwana bethu mayibe yeyona nto iphambili kuthi, akukho mntwana ekufuneka enyamezele imeko emanyukunyezi ngolu hlobo, kwaye abo bathe benza olu lwaphulo-mthetho mabagwetywe.

UCwecwe yintwazana encinci ibifunda kwiSikolo iBergview College, eMatatiele. UMama walentwazana ufake ushicilelo lwevidiyo yakhe kuFacebook ebalisa intlungu yakhe yokuhlukunyenzwa komntwana wakhe esikolweni. Oku kwenzeka kwiinyanga nje ezimbalwa phambi kokuba kuphele unyaka ka-2024. UNina walentwazana emveni kokuba eqaphele oluhlukunyezo emntwaneni wakhe, wangqala esikolweni eyokuqonda ukuba kwenzeke ntoni, wabandakanya nabezomthetho, kwenziwa uvavanyo lwe-DNA ukuze kuvele umenzi wobubi.

Zabuya ingxelo zovavanyo zisithi abarhanelwa abahloliweyo bamsulwa bona, wabe umrhanelwa ophambili oyiNqununu yesisikolo engafuni ukuba yinxalenye yoluvavanyo. Lo nto ke yakhokelela ukuba ityala liqine, izityholo zibhekisa ngakuye.

Sithe isikolo sokuva ukuba umba ushushu kwaye utsala umdla kuluntu, iNqununu yakhupha ileta ethi umntwana lo ulixhoba akasavumelekanga ukuba abuyele kwesasikolo, makakhangele esinye isikolo kuba elityala lifaka igama kunye nesidima sesikolo eludakeni.

Uluntu lwaseMatatiele, lunxunguphele sesi sehlo, kwaye lwaqala iingxoxo ezishushu kumakhasi onxibelelwano kuleveki phantsi kwe-Hash Tag ethi #JusticeForCwecwe, lufuna inyathelo elikhawulezileyo kwabomthetho. UMphathiswa uFanta ubongoze nabani na onolwazi ukuba aqhubele phambili ancedise amapolisa kuphando lwabo.

“Kufuneka sisebenzisane siluluntu ukudala indawo ekhuselekileyo ebantwaneni bethu, ukuthula kwenza abenzi bolwaphulo-mthetho olulolu hlobo ukuba baqhubeke nezenzo zabo,” ugxininise watsho.

ISebe loPhuhliso loLuntu lithembisa ngenkxaso epheleleyo kulutsha olusindileyo kunye nosapho lwakhe ngeli xesha lobunzima. Ngokusebenzisana nomthetho kunye nemibutho echaphazelekayo, isebe lijonge ukuququzelela inkqubo yokuphilisa ngelixa liqinisa amanyathelo okukhusela abantwana kwiphondo liphela.

“Siyayincoma inkxaso ebonakaliswe yimibutho eyahlukeneyo noluntu lwaseMpuma Kapa ngokuxhasa iphulo elithi ‘Justice for Cwecwe’,” litshilo isebe.

Eli tyala liye lavuselela iingxoxo malunga nesibetho esigqubayo sobundlobongela obusekelwe kwisini eMzantsi Afrika, amaqela athethelelayo kunye nabahlali befuna ukunyanzeliswa kwemithetho kunye nokhuseleko olungcono lwabantwana.

“Njengokuba simanyana kwimbumba yamanyama ngokuchasene nobundlobongela obusekelwe kwisini, masiqinisekise kwakhona ukuzibophelela kwethu ekukhuseleni amalungelo omntwana ngamnye kunye nokuqinisekisa ukuba uluntu lwethu alunabundlobongela kunye noloyiko,” utshilo uMphathiswa uFanta.

Abasemagunyeni babongoze nabani na onolwazi ngesi siganeko ukuba aqhagamshelane nabezomthetho kwaye ancedise ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka.

Iphondo leMpuma Kapa limanyene kumlo walo wokuphelisa ubundlobongela obujoliswe ebantwaneni bekwafuna ubulungisa ngakuCwecwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA