IMvula emandla ebikhatshwa zizivuvungu zomoya zishiye umonakalo ongathethekiyo kwilali zase-Hewu eziquka iNgojini, Dipala, Zweledinga, naseMuswa.
IZindlu ezibalelwa kwishumi elinesithathi (13) ziwile, iPreschool, iShedi, kwakunye neepali zika-Eskom zonakele, nemfuyo ichaphazelekile kuba zibalelwa kwishumi elinanye (11) igusha ezifileyo.
Akukabikho ziganeko zokusweleka kwabantu ezibikiweyo okwangoku.
Amagosa ezentlekele athe bhazalala ukuhlola umonakalo, achola-chole iinkcukhacha ezibalulekileyo khona ukuze zigqithiselwe kubo bonke abathathi nxaxheba njengeSebe lezokuHlaliswa kwaBantu, ezoLimo kunye no-Eskom khona ukuze kufumaneke indlela yokukhawulelana nesimo.
Amagosa entlekele asiqaphele isimo nakweminye imimandla kuba zisathe gqolo ukuna iimvula.
Esi sithili sibongoza uluntu ukuba luhlale luqaphele, ukuba uthe wachaphazeleke sesisimo uze utsalele umnxeba ongahlawulelwayo u-080 010 0100 ukuxela immeko isehlo kwindawo yakho.




