By Buhle Nomgalasa.
UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha, uthe uyakugxeka ukubulawa ngenkohlakalo komtshutshisi weNkundla yeNgingqi, uNksz Tracy Brown, obulewe eGqeberha izolo, ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala 2025.
UNkszn Brown udutyulwe kuhlaselo lokubulawa ngamadoda amane axhobileyo ngaphandle kwendlu yakhe, phambi kweqabane lakhe kunye nomntwana omncinci. Injongo kuba esi senzo sobundlobongela singenangqiqo asikaziwa.
Egameni likarhulumente wephondo, uMphathiswa uNqatha uye wadlulisa uvelwano olunzulu kusapho olusele lunentlungu.
Amapolisa awazukushiya nto ingako ukuqinisekisa ukuba abarhanelwa baziswe ngaphambili encwadini yomthetho. UMphathiswa uNqatha ukwabongoza uluntu ukuba luxhase amapolisa ngenzame zabo zokubamba abarhanelwa.

