By Asipile Kitchen.
UGunyaziwe woTshutshiso weSizwe (NPA) iyakugxeka ukubulawa kabuhlungu komnye wabatshutshisi beNkundla yeNgingqi. Izolo, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyeKhala 2025.
UNksz Tracy Brown udutyulwe ngendlela emasikizi ngamadoda amane axhobileyo phambi kwendlu yakhe eGqeberha, kukho iqabane lakhe nomntwana omncinci.
Isizathu sokubulawa kukaNkosazana Brown asaziwa. Ukubulawa kwakhe kukuhlasela umthetho kunye neenzame ze-NPA ezingadinwayo zokubamba izaphuli-mthetho ziphendule kwingalo yomthetho. INPA, ikunye nabezomthetho, bazokwenza konke okusemandleni abo ekuqinisekiseni ukuba abenzi bobu bugebenga bokubulala bayagwetywa.
Ukubulawa kwakutshanje kwabatshutshisi, ababeka ubomi babo emngciphekweni mihla le ekufuneni ubulungisa, kuyaphazamisa kakhulu. Esi senzo sokubulala silandela ukubulawa ngokungenalusini komnye umtshutshisi uMnu Elona Sombulula, owayevela kwinkundla kaMantyi Engcobo ngoTshazimpuzi walo nyaka. Abatshutshisi bathatha imisebenzi yabo ngenkalipho kunye nokuzinikela okunzulu ekukhonzeni abantu, ngokufuthi bebeka umngcipheko omkhulu wobuqu.
I-NPA ithi ayizotyhafa kwisigqibo sayo sokuphumeza isigunyaziso sabo sokuqinisekisa ubulungisa kubantu belizwe. Ikwathe iingcinga zabo kunye novelwano lwabo olusuka ezintliziyweni zikusapho lukaNksz Brown, izihlobo kunye noogxa babo ngeli xesha lilusizi nelinzima.

