By Asemahle Mbete.
UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha uyincomile iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (iSAPS) ukubamba ngokukhawuleza abarhanelwa abane (4) ekutyholwa ukuba bayabandakanyeka ekubulaweni kukaMnumzana Xoliseka Lali, uMbhexeshi oyiNtloko kuMasipala weNgingqi wase-Emalahleni.
Abarhanelwa abathathu kwabane babanjwe ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala 2025. Kulonyaka, ngelixa umrhanelwa wesine ebanjwe ngomhla wamashumi amathathu( 30) kweyeKhala 2025, umrhanelwa wesine usebenzisana nabaphandi, ebakhokelela kwindlu yomhlobo apho kuye kwafunyanwa imipu emithathu engenampepha kunye neembumbulu.
Le mipu iya kuvavanywa njengenxalenye yenkqubo eqhelekileyo yokuseka unxibelelwano olunokwenzeka kolunye ulwaphulo-mthetho. Amapolisa avule ityala elahlukileyo lwemipu engenalayisenisi. UMphathiswa uNqatha uyawancoma amapolisa ngalamanyathelo akhawulezileyo okubamba aba bantu.
“Siyakugxeka kabukhali ukubulawa ngenkohlakalo kukaCeba uLali kwaye siyakholelwa ngokupheleleyo ukuba ukubanjwa kwaba barhanelwa kuya kukhokelela kutshutshiso olunempumelelo ukuze usapho olusentlungwini lufumane ingcaciso ukuze baxole.
Ukubanjwa kwaba barhanelwa kusebenza njengesikhumbuzo kwizaphuli-mthetho sokuba ubakhe benza ulwaphulo-mthetho, baya kubanjwa. Ngaphaya koko, ukuba bahlasele amapolisa, baya kujongana neziphumo,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

