UMphathiswa uphose amazwi entuthuzelo kwintsapho zamaxhoba abulelwe ngumlilo eTree Top Chalet.

Umlilo oqhambuke kwiveki ephelileyo ngoLwesine usube ubomi babantu abathathu (3).

UMphathiswa wezeNdalo, amaHlathi kunye nezokuLoba uDion George, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabantu abathathu (3) abasweleke kumlilo wakutsha nje kwiGarden Route National Park kufutshane naseKnysna.

Lo mlilo uqhambuke kwindawo ekuchithelwa kuyo iiholide iTree Top Chalet ngoLwesine weveki ephelileyo, kwabhubha abasebenzi ababini (2) bakwaSANParks kunye nomnye umntu.

Isithethi soMphathiswa, uPeter Mbelengwa, uthi inkqubo yokuchonga imizimba ngovavanyo lweDNA iyaqhubeka.

Wongeze ngelithi, Iintliziyo zabo zibuhlungu ngenxa yomlilo otshise iGarden Route National Park osube imiphefumlo emithathu exabisekileyo. Kwaye badlulisa uvelwano olunzulu kwiintsapho nakubantu abachatshazelwe yile ntlekele. Ukwathe bazimisele ukubonelela ngayo yonke inkxaso efunekayo ngeli xesha linzima.

Amapolisa sele eqinisekisile ukuba aphanda unobangela womlilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA