11.3 C
King William's Town
Tuesday, October 7, 2025

UMPHATHISWA USELLA NDABENI-ABRAHAMS EBEBAMBE I ROADSHOW  EMPUMA KOLONI NGEENZAME ZOKUKHULISA UQOQOSHO KWANOKUDALA IMISEBENZI.

ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci (i-DSBD) kunye nee-arhente zalo, i-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci (i-Seda) kunye ne-Arhente yezeMali yamaShishini amaNcinci (i-sefa) bebe kuqhuba i-SMME Roadshow eSajonisi kwimpelavek kweli leMpuma Koloni.

Uphuhliso kunye nenkxaso yee-SMMEs zibalulekile ekuvuseleleni uqoqosho nokudala imisebenzi. Ii-SMMEs ngabona baphambili ekudalweni kwemisebenzi, ngoko ke, ukuvula amakhonkco exabiso ukuze kuxhamle amashishini amancinci kusahleli kubalulekile ekubuyiseni uqoqosho oluphulukene nemisebenzi engaphezulu kwesigidi ngenxa yobhubhane weCovid-19.

UMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uNksz Stella Ndabeni-Abrahams ebekhokhele imiboniso yasendleleni kwilizwe liphela enomxholo othi: “ukuvula amathuba kwii-SMMEs namaKopolotyeni okukhula koqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.

“Injongo yomboniso wendlela kukubonisa umsebenzi we-DSBD, ii-arhente zayo kunye namanye amasebe karhulumente anobuchule abandakanyekayo kuphuhliso lwee-SMMEs, ukubeka esweni inkxaso kunye nefuthe kwii-SMMEs ngongenelelo lukarhulumente, ukwabelana ngemingeni kunye nokumamela amabali empumelelo oosomashishini kwizithili ezahlukeneyo kwilizwe ngokubanzi ukuze baphucule inkxaso karhulumente kunye nokulungelelanisa ngcono inkxaso yee-SMMEs ngokusebenzisana necandelo labucala kunye namasebe ahlukeneyo kunye nee-arhente.”utshilo uNdabeni-Abraham

I-DSBD izibophelele ekuqhubeni isigunyaziso sayo esingundoqo “ekukukhokela nokulungelelanisa indlela edibeneyo yokukhuthaza nophuhliso loshishino, amaShishini amaNcinci kunye noMasibambisane, nokuqinisekisa ubume bomthetho obuvumelayo nomgaqo-nkqubo. UMphathiswa wezeziMali noPhuhliso loQoqosho uMlungisi Mvoko kulenkqubo kudliwano ndlebe uthi bebekade bengaxolanga ngendlela eziqhuba ngayo ezinkqubo kungoko bathe babhenela kuMphathiswa khonukuze kuvuselelwe amashishini asakhasayo khonukuze kuhlume uqoqosho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
79 %
2.9kmh
19 %
Tue
26 °
Wed
25 °
Thu
27 °
Fri
35 °
Sat
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks