UMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano, uMnumzana Parks Tau, ubhengeze ukurhoxiswa kwemithetho eyilwayo ebifuna ukudwelisa amaziko emfundo njengabasunguli bolwazi lwamatyala phantsi koMthetho wamaTyala weSizwe.
Esi sigqibo silandela isankxwe sikawonke-wonke, kunye nezicelo ezingaphezulu kwama-20,000 ezifunyenwe ngaphambi komhla wokuvala wamagqabaza ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMsintsi 2025. Ngokwesebe, uninzi lwezimvo ezingenisiweyo ziyayichasa imigaqo ecetywayo.
“Isigqibo sikaMphathiswa uTau sisekelwe yimpendulo emandla, ephinde yabonakalisa ubume bedemokhrasi yoMzantsi Afrika, apho uluntu lukwaziyo ukuthethana norhulumente ngendlela evulelekileyo neselubala,” isebe litshilo kwingxelo.
UMphathiswa ugxininise ukuba lo gama imimiselo irhoxisiwe, kuza kwenziwa inkqubo entsha yokulungisa iingxaki eziphakanyisiweyo. “UMphathiswa uTau uzibophelele ekwenzeni inkqubo eza kuthathela ingqalelo iinguqu ezifunekayo ukuze kwandiswe ukhuseleko lwabafundi, ngelixa eqhubeleka neenzame ezijolise ekuphuculeni ukufikelela kwinkxaso-mali yee-MSMEs ukuze kuvalwe umsantsa okhoyo ngoku wenkxaso-mali yetyala.”
Uphinde waqinisekisa abachaphazelekayo ukuba uthethathethwano luya kuqhubeka ukuqinisekisa ukucaca kunye nokungafihli nto.
“UMphathiswa uTau uzibophelele ekubandakanyweni kwabachaphazelekayo ukuze acacise ngakumbi le nkqubo kwaye athomalalise uloyiko malunga neziphumo zale nkqubo,” ifundeka ngolu hlobo ingxelo.
ISebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano likhuthaze uluntu kunye nabachaphazelekayo ukuba baqhubeke nokuthatha inxaxheba kwiindibano zothethwano kwixesha elizayo.

