By Nyameka Lamani.
NgoLwesithathu umhla weshumi (10) kweyoMsintsi 2025, malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo (20:30) ebusuku kwaye afumana iigusha ezisibhozo (08) ngaphakathi kwisithuthi sohlobo lweSedan Toyota Corolla, kwiinzame zokuphelisa ukubiwa kwemfuyo kwiindawo ezichongiweyo njengendawo ezixhaphakelwe ngulomba, amalungu akuQumbu obupolisa exhaswa liqela lomsebenzi wokuthintela ubusela kwisithili abambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala kwindawo yaseBlackhill ecaleni kwendlela uN2 phakathi koQumbu naKwaBhaca.
Ngethuba amapolisa ebejikeleza kuN2 phakathi koQumbu naKwaBhaca, abone isithuthi esikrokrisayo aze athi akumisa, abarhanelwa baphuma babaleka bebaleka iindlela ezahlukeneyo kwaze kwabanjwa umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala.
Kufunyenwe iigusha ezisibhozo (8) ngaphakathi kwimoto yohlobo lweToyota Corolla, ezine zisebhuthini nezine kwisitulo esingasemva kwaye zonke kutyholwa ukuba zibiwe KwaBhaca.
Umrhanelwa ukhokele amapolisa kwikhaya lakhe eBlackhill apho kwafunyanwa ezinye iigusha ezintathu (3) ekutyholwa ukuba zibiwe eMthatha, eDecoligny. Kuqikelelwa ukuba ixabiso legusha ebiweyo limalunga namawaka angamashumi amabini anesibini eerandi (R22 000,00).
Umrhanelwa ulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi kuQumbu ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoMsintsi ngokufunyanwa neegusha ekurhaneleka ukuba zibiwe ngelixa kusaqhutywa uphando ngalo mba.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana uwaqhwabele izandla amapolisa kwiinzame zawo zokulwa ukubiwa kwemfuyo.


