Umphathiswa uZizi Kodwa uza kuthathela amanyathelo isibhengezo seDA esibonisa ukutshiswa kweflegi yoMzantsi Afrika.

Umphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uMnu Zizi Kodwa ufuna ukuthatha amanyathelo ngokuchasene nentengiso yeDemocratic Alliance (DA) ebonisa ukutshiswa kweflegi yoMzantsi Afrika. Uyikhalimele le ntengiso kwaye uqwalasela amanye amanyathelo anokuwathatha, eyalela isebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ukuba licebise malunga noku.

Umbutho weDA kulempela veki ubhengeze intengiso yabo ekhankasayo, bebonakalisa ukutshiswa kweflegi yoMzantsi Afrika. Oku bakwenze ngenjongo zokuzoba umfanekiso ngqondweni obonakalisa ukuba uMzantsi Afrika xa unokuba phantsi kolalwulo lweemanyano zamaqela ezopolitiko aquka iANC, EFF, IFP kunye neMKP ungatshabalala.

UKodwa ugxininise ukuba ukunyeliswa kweempawu zesizwe akwamkelekanga kumaphulo onyulo egxininisa ukubaluleka kokukhusela iimpawu zesizwe kwixesha ledemokhrasi.

UMphathiswa uyalele uMlawuli-Jikelele oBambeleyo, abacebisi kunye necandelo lezomthetho leSebe lezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko ukuba bamcebise ngokukhawuleza malunga nenyathelo elinokuthathwa ngurhulumente xa uphawu lwesizwe lunyeliswa.

NgoMvulo, umhla wesithandathu kuCanzibe 2024, uMphathiswa ukugxeke kabukhali ukutshiswa kweflegi yesizwe kwisibhengezo sezopolitiko seqela leDA.

UMphathiswa uthi, “Ukungcoliswa kweempawu zesizwe akufuneki kube yinxalenye yokukhankasela unyulo kwaye akufanele kunyanyezelwe nakweyiphi na imeko. Sithatha amanyathelo okuqinisekisa ukuba akukho iziphumo zezenzo ezilolo hlobo. Ngumsebenzi wethu ukuqinisekisa ukukhuselwa koluntu lwethu, imiqondiso yesizwe eyimveliso yedemokhrasi esiyisebenzele nzima.”

Yena uMongameli weSizwe, uCyril Ramaphosa uthe ukutshiswa kweFlegi yeSizwe kwisibhengezo sezopolitiko kuthathwa njengokungcatsha umbuso kwaye akwamkelekanga kuyinto ecekisekayo.

“Ukutshiswa kweFlegi yeSizwe kwintengiso yezopolitiko njengokungcatsha umbuso. Iflegi yeSizwe luphawu olungcwele lomanyano nobukho bethu njengesizwe kwaye ukuyitshisa kuyinto ecekisekayo.

“Nawuphi na umbutho owenza isenzo esinjalo, ngakumbi egameni lezopolitiko, ngumbutho ozama ukutshabalalisa ilizwe lethu, ozama ukutshabalalisa ubunye belizwe lethu. Abantu baayifela leFlegi yeSizwe. Ngoko ke ukutshiswa kweflegi yelilizwe akwamkelekanga.”

Abantu abaninzi kumakhasi ezonxibelelwano aquka uX kunye noFacebook bayakukhalimela oku besithi iDA ibonakalisa ukungaluxabisi uluntu lwaseMzantsi Afrika, kwaye lunyhasha imvelaphi yelilizwe neemvakalelo abantu abamnyama abanazo ngokuphila phantsi kwexesha lengcinezelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
93 %
2.8kmh
100 %
Sun
25 °
Mon
23 °
Tue
32 °
Wed
19 °
Thu
17 °

EZITHANDWAYO INDABA