UMphathiswa wamaPolisa uzibophelele ekuqwalaseleni ulwaphulo-mthetho eMpuma naseNtshona Koloni.

UMphathiswa wamaPolisa kuZwelonke uSenzo Mchunu, uthi ukushukuxa ulwaphulo-mthetho kwiphondo leMpuma Koloni naseNtshona Koloni kuzakuba yinxalenye yezona zinto ziphambili zizakujongwa lisebe lakhe. UMchunu uqukumbele uthethathethwano lwakhe lweentsuku ezimbini nabaphathiswa eGqeberha oluqale eNtshona Koloni ngoMgqibelo. Oku kwenzeke kulempelaveki siphuma kuyo.

Phantsi kwezikhululo zamapolisa ezingena zixhobo zokusebenza kunye nokungabonwa kwamapolisa kube yeyona nto iphambili kwi-ajenda eMpuma Koloni – uluntu olukruqukileyo lulwaphulo-mthetho nezinga eliphezulu lokubulala. Ubuqhophololo kunye noBundlobongela obuSekwe kwiSini zezona ziganeko ziphambili eMotherwell.

UMasipala iNelson Mandela Bay, umasipala ombaxa iBuffalo City naseMthatha zibalulwe njengezinye zezona ndawo zigquba ulwaphulo-mthetho kweli phondo.

“Ngoko ke, indlela esisebenza ngayo icace gca kwaye kukulwa ulwaphulo-mthetho eluntwini. Asinakuba noluntu lwethu oluhlala emngciphekweni. Ngolu thethathethwano nabathathi-nxaxheba, lusinike ufifi malunga nemiba ekufuneka sizinikele kuyo, kuba siyabona ukuba kule nkalo imiba yokuxhwilwa, nokubulawa kwabantu ngokudutytulwa ngemipu iphezulu kakhulu. Ango ngamanye amangenelo ekufuneka siwathathe ukuze sijongane nalo mba,” utshilo uMchunu.

Isebe lamapolisa lithi oovimba abongeziweyo bazakwabelwa iphondo kuquka amadoda nabasetyhini abangaphezulu kwamakhulu amathathu kwinyanga ezayo.

“Siza kuthumela uqinisekiso ephondweni kuba oku kube yimfuneko ngenxa yamanani esiwabonayo. Ngoko ke, siza kubeka ezinye iibhutsi phantsi ukulwa ulwaphulo-mthetho, kodwa okwangoku, asizukuchaza ukuba ziya kuthunyelwa phi kwaye njani kweli phondo. Kodwa siyakuqinisekisa ukuba ezi zixhobo zongezelelekileyo ziyeza kweli phondo,” utshilo uMkomishinala wamaPolisa kaZwelonke uLieutenant General Fannie Masemola.

Uluntu luhlaba ikhwelo lokunyanzeliswa kwamapolisa okungqongqo nokubonakalayo kunye nezibonelelo kuluntu kwiinzame zokuhlangabezana nezinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho.

“Sijongene nokwanda kolwaphulo-mthetho kwindawo yethu engaselwandle ingakumbi ngeli xesha sinabafundi bethu baseziyunivesithi ababuyileyo. Isikhululo samaPolisa saseHumewood songanyelwe ngamatyala kwaye iCPF yaseHumewood inesithuthi esinye kuphela kwaye ayisebenzi ebusuku. Sifuna ukukhuthaza umphathiswa ukuba asenzele okungakumbi, utshilo uSihlalo woKhuseleko lwaseBeachfront, uSean Tappaman.

Kunyaka-mali ka-2023/2024, isebe lamapolisa liye labela iR70 yezigidi zeerandi kwiiForam zamaPolisa asekuHlaleni kuzwelonke ukuqinisekisa ukusebenza ngendlela eyiyo kwala maqumrhu ukulwa ulwaphulo-mthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA