UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, umemelele abomthetho ukuba bathathe amanyathelo ngokukhawuleza kulandela isiganeko sokuxhwilwa kwenqwelo-mafutha esenzeke kwiKliniki yaseNew Brighton.

By Asemahle Mbete.

Ngokweengxelo ezandulelayo, abahlaseli abaxhobileyo baye bakhombe ngemipu baza babaleka kunye neveni yabucala ethutha iipakethe zamayeza (Central Chronic Medicine Dispensing and Distribution – CCMDD). Ngethamsanqa, akukho basebenzi okanye izigulane ezonzakeleyo ngexesha lesi sehlo.

INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika ixelelwe kwaye iyawuphanda lo mba. Isebe lisebenza ngokusondeleyo nabezomthetho ukuqinisekisa ukuba isithuthi esibiweyo kunye namayeza zibuyiselwe, kwaye abenzi bobubi babekwe phambi kobulungisa.

U-MEC ubongoza uluntu ukuba ludlale indima ebonakalayo ekukhuseleni iikliniki kunye nezibonelelo zempilo, begxininisa ukuba izibonelelo kunye namayeza ngawabantu ababasebenzelayo. Uye wagxininisa ukuba uluntu kufuneka luthathe ezi nkonzo njengezalo ngokuma ngokuchasene nezenzo zolwaphulo-mthetho, ngokusebenzisana nabasemagunyeni, nokuqinisekisa ukuba izaphuli-mthetho azifumani ndawo yokusabela phakathi kwazo.

Ukukhusela unikezelo lwezempilo, wongeze ngelithi, ”luxanduva ekwabelwana ngalo olufuna zombini urhulumente kunye intsebenziswano yoluntu.”

UMphathiswa uphinde wathethathethana noMphathiswa weSebe lezoKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha, ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba iziganeko ezifana nesi zifumana ingqwalasela engxamisekileyo kunyanzeliso lomthetho kunye namanyathelo okhuseleko anamandla ukukhusela iinkonzo zezempilo kwiphondo liphela.

ISebe liqinisekisa uluntu ukuba izicwangciso zokuhlangabezana nengozi ziyaphunyezwa ukunciphisa ukuphazamiseka kwiKliniki yaseNew Brighton kunye nokuqinisekisa ukuqhubeka kwenkonzo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
15 ° C
15 °
15 °
74 %
3.9kmh
9 %
Mon
14 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA