Iphondo leMpuma Koloni lehle kancinci nge-1% kunye ne-11% kumatyala okubulala nodlwengulo ngokulandelelana, logama libonisa ukwanda kwamanye amatyala.
Esi sibhengezo senziwe nguMphathiswa wezoKhuseleko, uXolile Nqatha, ekhupha iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho kwikota yesibini.
Isikhululo samapolisa iChatty eGqeberha sibike amatyala amatsha angamashumi amabini anesithandathu kwikota yesibini, elelona nani liphezulu kweli phondo, logama isikhululo samapolisa saKwaDwesi sinamatyala alishumi elinesixhenxe okubulala xa kuthelekiswa nekota edlulileyo.
Isikhululo samaPolisa saseScenery Park kumasipala ombaxa iBuffalo City, silandelwa nguQumbu neKwaNobuhle eKariega, ngabona ngabona bantu badlwengulayo.
Izikhululo zamapolisa zakuTsolo neMaluti zibonise ukuhla kwamatyala odlwengulo, omabini achaza amatyala alishumi elinesithandathu.
UMphathiswa uNqatha uthi baxhalabile ngamatyala odlwengulo.
Ngaphandle kokuncipha kwezenzo zolwaphulo-mthetho ngokwesondo, ukukhuthuza imali, ukuxhwilwa kweelori kuhleli kuphezulu kwiphondo.
Ukukhuthuzwa kweemali zothutho kunyuke ukusuka kumatyala alithoba ukuya kwi-16 xa kuthelekiswa nekota edlulileyo.
Ukuxhwilwa kweelori nako kunyuke ukusuka kumashumi amane anesibini amatyala ukuya kumashumi amathandathu, uninzi lwezehlo ezixeliweyo eNelson Mandela Bay.
UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Nomthetheleli Mene uthi bazakujongana nezigebenga zokuthuthwa kwemali.
Iphondo likwabone ukwanda kokuxhwilwa kwabantu, kuthe kwabikwa amatyala angamashumi amahlanu anesithathu eNelson Mandela Bay kuphela kwikota yesibini.

