UMotshekga uthi asiyonyani ukuba uMkhosi wezoKhuselo ukwinqanaba lengxaki kwaye awukwazi ukwenza umsebenzi wawo.
Umphathiswa wezokhuselo uAngie Motshekga uvumile ukuba ukucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali kwisebe lakhe kunempembelelo ekusebenzeni kwalo.
Kodwa uthe asiyonyani into yokuba umkhosi wezokhuselo ukwinqanaba lengxaki kwaye awukwazi ukwenza imisebenzi yawo.
Ephendula imibuzo kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP) ngoLwesibini, uMotshekga uthe nangona isebe lingakhange libenako ukwenza uphononongo lwezokhuselo luka-2015, isekela lakhe uBantu Holomisa sele liphonononga olo xwebhu kunye neziphene.
UMotshekga uthe yinyani umkhosi wezokhuselo awunazo iinqwelomoya zokusebenza zaneleyo kwaye ezinye iinqanawa zomkhosi waselwandle nazo zimisiwe.
Oku kuthetha ukuba iiyure zoqeqesho esibhakabhakeni naselwandle ziyacuthwa, kwaye kuzawucutha nendima ezakudlalwa ekuqeshweni kwabasebenzi abatsha.
Kodwa ephendula uNick Godsell weDemocratic Alliance (DA), uMotshekga uthe yimbaxo into yokuba ukuhla kohlahlo lwabiwo-mali kuthetha ukuba umkhosi wokhuselo uguqe ngamadolo.
Uthe iinkcukacha zempembelelo yokucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali azikwazi ukwabelana ngeqonga elivulekileyo.
“Ndiyavuma ukuba ngokwenene ngohlahlo lwabiwo-mali oluncitshisiweyo kukho ezi ziphumo.”
Usihlalo weNCOP uRefilwe Mtsweni-Tsipane ucele uMotshekga ukuba angenise ingxelo epheleleyo kule ndlu zingaphelanga iiveki ezimbini.