Umbutho woMkhonto weSizwe (MK) ubalule ukunyuka kobuqhetseba elizweni ngokuyinxenye yokubekelwa bucala kwezoqoqosho uninzi lwama-Afrika kunye nabeBala.
Umbutho weMK uthi ayothusi into yokuba isiXeko saseKapa sibe neziganeko ezingaphaya kwamashumi amathandathu ekhulwini (60%). Ilungu le le-MK uDavid Skosana uthathe inxaxheba kwingxoxo-mpikiswano apho uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu wachaza isicwangciso sikarhulumente sokuqubisana nobuqhetseba.
“Isixeko saseKapa phantsi kobunkokeli beDA (Democratic Alliance) sinamatyala angamashumi amathandathu anesine ekhulwini (64%). Inika umdla kakhulu, bathi apho balawula khona, balawula ngaphezu kwawo onke amanye amaphondo. Yinto eqhelekileyo leyo, akulindelekanga xa kujongwa imbali yokungakhathalelwa kwezoqoqosho apho amaAfrika nabeBala bebejongelwe phantsi ngokucokisekileyo ekuthatheni inxaxheba kuqoqosho lweli lizwe,” utshilo uSkosana.
“Inyaniso ecacileyo yokuba ishishini lilawulwa kwaye liqhutywa ngabantu abamhlophe, ngelixa amathuba engqesho esoloko enikwa abemi bamazwe angaphandle, nto leyo eshiya abahlali bengingqi bejongana nethuba lemisebenzi elilinganiselweyo kweli candelo njengokwamkela iindwendwe,” ukwacacise ngelitshoyo uSkosana.