16.3 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Oorhunta baphange oonogada imipu yabo yokusebenza.

Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokuphanga ishishini emva kokuba abarhanelwa abahlanu bezigqume ubuso nababexhobile bephanga inkampani yonogada eMill Park Drive, eMill Park ngomhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpuzi.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge, uphango lweshishini lwenzeke ngentsimbi yeshumi elinanye (23:00) ngokuhlwa.

Uthe la madoda mahlanu awayezigqume ubuso nawayexhobile akwazi ukungena kule ndawo aze afuna ukungena kwigumbi lolawulo ekhombe ngemipu.

“Baye bangena kwisefu yemipu baza bathatha imipu elishumi elinesithathu (13) eluhlobo lwe-9mm, iimagazini ezilithoba, neembumbulu ezilikhulu namashumi amathathu anesihlanu (135),” utshilo uBeetge.

Uqhube wathi bathathe nelaptop enye noomakhelekhukwini abahlanu phambi kokuba bavalele aba basebenzi bathathu kwigumbi elikhuselekileyo baze bashiye indawo ngemoto yakwaVW Polo emhlophe.

UBeetge uthi akukho mntu wonzakeleyo ngethuba lesi sehlo kwaye akukabanjwa mntu okwangoku.
“Ityala lokuphanga ishishini livuliwe kwaye lisaphandwa ngabakwaSAPS Mount Road,” utshilo uBeetge.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.3 ° C
16.3 °
16.3 °
91 %
1.8kmh
91 %
Fri
16 °
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks