Amapolisa aseGqeberha aphanda ngetyala lokubulawa kwendoda enamashumi amathathu (30) eminyaka ubudala edutyulwe yabhubha kwisiganeko apho senziwe ngabantu abebegqitha ngemoto eBooysens Park ngentsasa yangoLwesihlanu umhla wesihlanu (5) kuTshazimpuzi.
UKapteni Andre’ Beetge uthi uKashif Sulton ubeqhuba iveni kunye nenkosikazi yakhe enamashumi amathathu ananye (31) eminyaka ubudala ngethuba ehlaselwa.
Uthe imoto iye yema ecaleni kweveni kaSulton kwindlela iNooitgedaght ngethuba kuvulelwa ngoothotho lweembumbulo ezijolise kuye. UBeetge uthi wonzakele ngokumasikizi ngelixa inkosikazi yakhe ibaleka ingenawo nomkrwelo. Ukanti kwingxelo yakhe UBeetge uthi Ipolisa elijikelezayo ladibana nalo wasetyhini engcangcazela kwindawo yexhwayelo.
Unobangela wokudutyulwa kwakhe awukaziwa kwaye abarhanelwa ababini ababekhwele iveni basagcwele amathafa. Amapolisa athi Nabani na onokunceda kuphando kufuneka aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane naye.

