ICandelo loPhando lwamaPolisa eliziMeleyo i IPID lizamkele izigwebo zentolongo eziwiselwa amapolisa amabini eMpuma Koloni ngenxa yolwaphulo-mthetho ngokwesondo.
IPID ithi umyeni nenkosikazi bagwetywe kwiNkundla ePhakamileyo yaseMonti ngoLwesihlanu umhla wesihlanu kuTshazimpuzi. “Usajini wamapolisa oyindoda oneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ubudala ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (-25) emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intombi yakhe, eyayineminyaka elishumi elinesithathu (-13) ubudala ngelo xesha,” utshilo uPhaladi Shuping weIPID. Uthe inkundla yongeze isigwebo seminyaka emihlanu (-5) kumatyala amabini okuxhatshazwa ngokwesondo kwaye oku kuya kongezwa kwisigwebo sokudlwengula.
“Ipolisa elineminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) nongumama wommangali, ugwetywe iminyaka emihlanu (-5) entolongweni okanye intlawulo yeR5000 ngenxa yokungawaxeli amatyala odlwengulo noxhatshazo ngokwesondo emva kokuba eziswe kummangali. ,” watsho uShuping. Nangona kunjalo lamapolisa mabini akanakuchazwa ngamagama ukukhusela isazisi sommangali.
UShuping uthi ipolisa laseMonti laxhaphaza ngokwesondo laze kamva ladlwengula intombi yakhe kwinkampu yamapolisa phakathi konyaka ka-2018 ukuya ku-2021.

