Umqhubi we-e-hailing waseMpuma Koloni ucele uncedo phambi kokubulawa ngenkohlakalo kodwa akukho ncedo luyelavela

By Sophumelela Singqota

Umyeni notata osebenza njengomqhubi we-e-hailing waxhwilwa watshixelwa ngaphakathi kwisithuthi sakhe ngelixa abahlaseli bakhe besebenzisa iziyobisi ngaphambi kokuba abulawe ngokuhlatywa.

Iinzame zikaSibusiso Nogqola zokuzama ukuphuncuka kwimoto ebitshixiwe kunye nokucela uncedo akahoywa, ivile inkundla yengingqi yaseMonti.

ULutho Nasiphi, 30, noBahle Nqomfe, 26, bagwetywe ngolwaphulo mthetho eDuncan Village ngomhla weshumi elinesithathu kweyeDwarha ngo2022.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uthi ityala beligxile kwiziganeko zakusasa apho uNogqola ephuma ekhaya esiya kuqalisa umsebenzi, eshiya ngasemva inkosikazi yakhe nosana lwabo olusandul’ ukuzalwa.

“Kwathi ngentsimbi yeshumi elinanye ekuseni engakhange akwazi ukufikelela kuye emva kweenzame ezininzi, uye walumkisa umnini wesithuthi ebesiqhuba, umnini wemoto naye woyisakala kukunxibelelana naye wasebenzisa inkqubo yokulandela umkhondo wemoto ukuze afumane indawo yemoto, uye wayiqaphela ijikeleza eMonti phambi kokuba ime kwisitalato iBhebhele, eDuncan Village,” utshilo.

“Uthe xa efika umnikazi wemoto kwindawo yexhwayelo, ufumanise ukuba imoto itshixiwe, ikhutshiwe iinombolo zayo, kukho negazi ngaphakathi, waqhagamshelana namapolisa, ngengomso, umkhandi wezitshixo uye wavula isithuthi, eveza amabala egazi amaninzi kwisitulo esingasemva nasebhuthini, uhlolisiso lweDNA lwaqinisekisa ukuba igazi lelikaNogqola.

Ebudeni betyala, uTyali uthe umtshutshisi uSinovuyo Sotomela ukhokele ubungqina obuthe kratya obulandela iintshukumo zabamangalelwa ngomhla wolwaphulo-mthetho. Amangqina afake uNasiphi, uNqomfe kunye nendoda engachazwanga kwimoto yomfi ngaphambi kokuba baye kummangalelwa wesithathu uXolela Mancam, apho bafike batshaya iziyobisi.

Ubungqina buveze ukuba uNasiphi nalomfo angaziwayo bazisusile inombolo zesithuthi emva koko uNasiphi waqhuba isithuthi ukuya kwakhe. Kungekudala emva koko, ingqina leva indoda ngaphakathi kwesithuthi ikhala kwaye ibongoza ngokuphindaphindiweyo, “Owu bantwana bam, oh abantwana bam”, ngelixa imoto yayingcangcazela kwaye i-alamu yayo ikhala.

Aba bahlaseli kamva babuyela kwinqwelo-mafutha babaleka nexhoba ngaphakathi bebiza uncedo. Ngosuku olulandelayo umzimba kaNogqola wafunyanwa unamanxeba alishumi elinesihlanu. Usapho lwakhe lwamchonga eWoodbrook Mortuary.

Nangona kungekho bungqina buthe ngqo obanxulumanisa ummangalelwa ekuhlatyweni, urhulumente uveze ubungqina obubambekayo kwaye waxoxa ngempumelelo ukuba iqela lenze ngokwenjongo efanayo, isingeniso esamkelwa yinkundla.

Bobathathu abatyholwa baliphika ityala. Umbuso ubize amangqina asibhozo, ngelixa abatyholwa benikela ubungqina bezithethelele kwaye bengawabizi mangqina.

Ekupheleni kwetyala inkundla yamkhulula uMancam emva kokuba urhulumente engakhange abonakalise bungqina betyala lakhe njengomncedisi emva kwenyani. UNasiphi noNqomfe bagwetywe ngawo omathathu amatyala. Inkundla yawisa ezi zigwebo:

ukukhuthuza ngeemeko ezimanyumnyezi: iminyaka eli-12 entolongweni ngokuthe ngqo;
ukuxhwila: iminyaka emihlanu entolongweni ngokuthe ngqo; kwaye
ukubulala: iminyaka engama-25 entolongweni.
Inkundla iyalele ukuba izigwebo zokuphanga kunye nokuxhwila ziqhutywe ngaxeshanye nesigwebo sokubulala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA