Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala obanjwe eMpuma Koloni ngenxa yokuba neziyobisi ezixabisa i-R230,000 uza kuvela enkundleni ngoLwesine umhla weshumi elinesithoba (29) kweyoKwindla.
Amapolisa angekho emsebenzini asebenza kwi-Nxuba visible policing kunye namalungu e-K9 unit ambambe umrhanelwa ngoLwesibini umhla weshumi elinesithathu (16) kweyoKwindla eMichausdal, eNxuba.
lsithethi samapolisa uKapteni Yolisa Mgolodela uthi iqela lithathe amanyathelo ngolwazi olufunyenweyo malunga nomrhanelwa otyholwa ngokuba neziyobisi kwidilesi yasekuhlaleni.
Uthi abakwasidlodlo basabele ngokukhawuleza, amalungu aya kwindawo echongiweyo apho aqhuba khona uphando. Umrhanelwa usebenzisene namapolisa waza wawakhokelela kwindawo engaphakathi kwendlu apho iipilisi zeMandrax zazifihlwe khona. Ezi ziyobisi, ezinexabiso lesitalato eliqikelelwa kwimali engaphezulu kwe-R230,000, zathathwa.
Umrhanelwa uza kuvela phambi kweNkundla kamantyi waseNxuba ngoLwesine umhla weshumi elinesithoba (19) kweyoKwindla ngezityholo zokuba neziyobisi.
Umphathi wesithili uNjengele Rudolph Adolph uncome amalungu ngokuqaphela nokuzinikela kwawo.
U-Adolph uphinde wathi ukuthengiswa kweziyobisi kuyaqhubeka nokuphazamisa imizamo yokulwa nolwaphulo-mthetho kwesi sithili.

