Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu nanye (31) ubudala uzinikele emapoliseni aseMotherwell izolo ngomhla wesine kweyoMnga kulandela ukudutyulwa komntwana ze wabhubha.
Kutyholwa ukuba malunga nemizuzu engamashumi amahlanu emveni kwentsimbi yesihlanu (17:50) emva kwemini, i-SAPS eMotherwell iye yaphendula kwisikhalazo sokubulala kwiZiko lezeMpilo iMotherwell. Ekufikeni kwabo, baxelelwa ukuba usana oluneenyanga ezilishumi elinesithandathu (16) ubuncinci, lusweleke ngenxa yenxeba lokudutyulwa. Emva koko la malungu axelelwa ukuba udade wolu sana uLuhle-Lunje Mdingi ebehamba kwisitalato iSakhwatzha, NU8, eMotherwell ngethuba ebona umrhanelwa ephethe umpu.
Akukacaci ukuba kwenzeke ntoni, kodwa kwadutyulwa, kwaye udade waqaphela ukuba uLuhle-Lunje uyopha. Uye wabalekiselwa kwiziko lonyango kodwa sele eswelekile ngenxa yenxeba lokudutyulwa.
Kuyue kwavulwa ityala lokubulala ngabakwantsasana ukuze kuphandwe.
Umrhanelwa ubike kwangosuku olunye emapoliseni kunye negqwetha lakhe. Umrhanelwa ubanjwe ngezityholo zokubulala, kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseMotherwell namhlanje, umhla wesihlanu kweyoMnga 2024.