30.2 C
King William's Town
Saturday, January 25, 2025

I-CONTRALESA yothuswa ziingxelo zabaqweqwedisi abajolise kubakhwetha.

Oku kulandela iingxelo zabarhanelwa abajolise kubakhwetha befuna imali yokhuseleko eGugulethu eKapa naseKariega eMpuma Kapa.

ICongress of Traditional Leaders of South Africa (CONTRALESA) ithi ubugebenga bufikelele kwinqanaba elibi. Oku kulandela iingxelo zabarhanelwa abajolise kubakhwetha befuna imali yokhuseleko eGugulethu, eKapa naseKariega, eMpuma Kapa.

Unobhala-jikelele weCONTRALESA, uZolani Mkiva: “Okwenyani sothukile kakhulu, inene iyasikhathaza le nto kuba sisenzo somtyholi. Ukwaluka, elilungelo lokusuka ebukhwenkhweni uye ebudodeni, lisiko elingcwele kakhulu kwaye aba abantu bafuna imali, nokuba kubakhwetha okanye kubazali babo, yinto engaphaya kwamandla ethu.”

UMkiva uthe aba benzi bobubi mabaphoswe ngaphaya kwezitshixo.

“Abantu baye befana nezilwanyana zasendle ezithi ngequbuliso zingakwazi nokukuxabisa amasiko nezithethe ezifana neli lokwaluka, kulungile ukuba abomthetho kunye namapolisa benze umsebenzi wabo kwaye aba baphuli-mthetho kufuneka babanjwe kwaye bavalelwe.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
30.2 ° C
30.2 °
30.2 °
42 %
2.2kmh
0 %
Sat
35 °
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
21 °
Wed
37 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks