7.8 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Umsantsa ovulwa yiDA neANC eRhawutini uza kuba nefuthe elibi kwiinkonzo zoluntu.

Inkokeli yeDemocratic Alliance (DA) eRhawutini, uSolly Msimanga, uthi ukudodobala kweengxoxo phakathi kombutho wakhe ne-African National Congress (ANC) zokuseka uRhulumente woManyano lwePhondo kuzakuba nefuthe elibi ekuhanjisweni kweenkonzo kweli phondo.

La maqela mabini asaxabene kwaye akakafikeleleki kwisivumelwano malunga nokwakhiwa kwesigqeba solawulo.

I-DA ithi i-ANC ibifuna ukuyinika izihlalo ezithathu zeKhabhinethi kurhulumente waseRhwutini, logama igcine izihlalo ezisixhenxe ezishiyekileyo, eziquka iNkulumbuso.

UMsimanga uvakalise inkxalabo yakhe ngenxa yokulibaziseka kokusekwa korhulumente wephondo.

Uthi, “Kulilishwa oku kuba kubambezela ukuthathwa kwezigqibo nokuqhubeka nenkqubo karhulumente. Kwaye ukuba akukho zinkokeli zezopolitiko ezilawula inkqubo karhulumente oko kuyakuchaphazela amandla karhulumente okuhambisa iinkonzo ebantwini.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.8 ° C
7.8 °
7.8 °
86 %
1.8kmh
1 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
20 °
Wed
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks