Umsantsa ovulwa yiDA neANC eRhawutini uza kuba nefuthe elibi kwiinkonzo zoluntu.

Inkokeli yeDemocratic Alliance (DA) eRhawutini, uSolly Msimanga, uthi ukudodobala kweengxoxo phakathi kombutho wakhe ne-African National Congress (ANC) zokuseka uRhulumente woManyano lwePhondo kuzakuba nefuthe elibi ekuhanjisweni kweenkonzo kweli phondo.

La maqela mabini asaxabene kwaye akakafikeleleki kwisivumelwano malunga nokwakhiwa kwesigqeba solawulo.

I-DA ithi i-ANC ibifuna ukuyinika izihlalo ezithathu zeKhabhinethi kurhulumente waseRhwutini, logama igcine izihlalo ezisixhenxe ezishiyekileyo, eziquka iNkulumbuso.

UMsimanga uvakalise inkxalabo yakhe ngenxa yokulibaziseka kokusekwa korhulumente wephondo.

Uthi, “Kulilishwa oku kuba kubambezela ukuthathwa kwezigqibo nokuqhubeka nenkqubo karhulumente. Kwaye ukuba akukho zinkokeli zezopolitiko ezilawula inkqubo karhulumente oko kuyakuchaphazela amandla karhulumente okuhambisa iinkonzo ebantwini.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.8 ° C
11.8 °
11.8 °
90 %
2.7kmh
12 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA