11.4 C
King William's Town
Friday, September 6, 2024

AmaBhokobhoko azakudlala umdlalo onzima ngoMgqibelo eLoftus.

Iqela elikhethwe ngu-Erusmas liqela ebelidlala kwindebe yehlabathi ikakhulu.

Umqeqeshi wamaBhokobhoko ukhethe iqela eliqinileyo lombhoxo nelinamava xa bezakuqubisana ne-Ireland ngoMgqibelo umhla wesithandathu (06) kule imiyo inyanga eLoftus ePitoli.

Ngamashumi amabini (20) abadlali abafakiweyo kweliqela ngethuba bephumelela indebe yehlabathi kwelaseFrance kunyaka ophelileyo.

Lomdlalo uzakudlalelwa kunabala iLoftus Versfeld. Kulamashumi mabini (20) labadlali ebebekhona kwindebe yehlabathi ishumi elinesihlanu (15) lizakuqala umdlalo abahlanu kubo ngamalalela. Lamaqela azakube edlala ngoMgqibelo ngamaqela akwindawo yokuqala nakweyesibini kumanqwanqwa ehlabathi kumbhoxo. NguMzantsi okwindawo yokuqala, kweyesibini yi-Ireland.

Abadlali Ebebengekho kwindebe yehlabathi abathathu (3) nabazakube bekhona kweliqela nguSalman Moerat, uSacha Feinburg Mngomezulu noGerhard Steenkamp nonconywayo ngumqeqeshi ngendlela awadlala ngayo kumdlalo ne-Argentina kunyaka ophelileyo.

Abadlali abalishumi elinesibini kwaba balishumi elinesihlanu bazakuqala umdlalo ne-Ireland, bawuqala umdlalo ngethuba AmaBhokobhoko ephumelela indebe yehlabathi bedlala neNew Zealand iyibetha ngeshumi elinesibini kwishumi elinanye (12-11) lamanqaku eFrance. Kwabo badlali bathandathu phambili babebathandathu ngasemva.

UKwagga Smith, Ox Ntshe noWillie le Roux bangena njengamalalela kumagqibela kankqoyi wendebe yehlabathi yombhoxo kunyaka ophelileyo.

Ukufakwa kwabadlali ebebekade bengekho kumdlalo apho bebebetha iWales ngamashumi amane anesithathu kwishumi elinesithathu (43-13) eLondon, lo nto ithetha ukuba kukho utshintsho labadlali abasibhozo (8) kweliqela lizakudlala neIreland ngoMgqibelo.

Abadlali abafakiweyo nababengekho kumdlalo weWales ngoyinkokheli yabo uSiya Kolisi, uKurt Lee Arendse, uChelsin Kolbe, uHandre Pollard, uSteenkamp, uRG Snyman, uMarco van Staden noLe Roux.

UMngomezulu noSteenkamp bazakube bedlala umdlalo wabo wovavanyo wesibini ngalo weIreland. Ubonakala ekwavakala exolile kunjalo nje ewathembile amakhwenkwe wakhe u-Erasmus.

Nali iqela elizakudlala ne-Ireland eLoftus nelizakuqala umdlalo, kwindawo yeshumi elinesihlanu (15) nguWilli le Roux, kweyeshumi elinesine (14) nguCheslin Kolbe, kwishumi elinesithathu (13) nguye Jesse Kriel, kwishumi elinesibini (12) ibe nguDamian de Allende, kweyeshumi elinanye (11) nguKurt-Lee Arendse, kwindawo yeshumi (10) nguHandre Pollard, ibe nguFaf de Klerk kwindawo yethoba (9), kweyesibhozo (8) nguKwagga Smith, kweyesixhenxe (7) nguPieter Steph du Toit, nguSiya Kolisi obakhokelayo kwindawo yesithandathu (6), kweyesihlanu (5) nguFramco Mastert, kwindawo yesine (4) ibe nguEben Etzebeth, indawo yesithathu (3) nguFrans Malherbe, kweyesibini (2) ibe nguBongi Mbonambi noOx Nche kweyokuqala (1).

Izitsibabhokhwe zagqibela ukubetha eliqela le-Ireland ngonyaka ka2016.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.4 ° C
11.4 °
11.4 °
82 %
3.5kmh
100 %
Fri
18 °
Sat
17 °
Sun
19 °
Mon
12 °
Tue
11 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks