Kubanjwe abantu abahlanu malunga nezityholo zokubiwa kweebhetri zakwaVodacom kwinqaba yeeselfowuni eKruis River, eMpuma Kapa.
La madoda abanjwe ngoLwesine liqela eliphanda ngolwaphulo mthetho elizinze eGqeberha.
Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) kunye namashumi amabini anethoba (29) babekwe ityala lomonakalo obalulekileyo kwiziseko zophuhliso.
“Iingxelo zokuqala zibonakalisa ukuba kuqhekezwe inqaba yakwaVodacom eseKruis River kwaza kwabiwa iibhetri ezine zakwaVodacom,” utshilo uLieutenant Colonel Avele Fumba, isithethi seCandelo loPhando lobuGcisa oluPhakamileyo (olwaziwa njengeeHawks).
OoKhetshe bathi abarhanelwa babanjwe ngethuba amagosa esenza umsebenzi wokumisa nokukhangela ngaseAddo naseJansenville.
Bebehamba ngeDatsun Go.
“Ekugqogqeni isithuthi, eli qela lafumanisa ukuba likhweli abantu bangaphandle abangenazo iimpepha.
Abarhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseJansenville ngoLwesihlanu.
Kwesinye isiganeko, umfundisi waseMalawi ugwetywe iminyaka elishumi emva kokufunyanwa enetyala lokuqhuba iqela elalisiba iibhetri zeeNqaba zakwaVodacom nakwaMTN phakathi konyaka ka-2021 ukuya ku-2022.
UMlotha Nelson Usale yena waagwetywa ngo-Agasti ka-2024.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLumka Mahanjana, uthe umfundisi oneminyaka engamashumi amahlanu anethoba (59) ubudala kwiBandla iGod’s Chapel, uzakutshintsha indlela yokulawula ibhetri kubavelisi abohlukeneyo, aphinde atshize iibhokisi zebhetri ngelizama ukufihla eyona mvelaphi yeebhetri ukuze kubonakale ngathi ziibhetri ze-solar zorhwebo.

