UMsebenzi weDyunivesithi i-Walter Sisulu otyholwa ngokubulala umfundi uthi iinjongo zakhe yayi kukudubula izithonga ezilumkisayo.

By Asemahle Mbete.

UManelisi Mampane otyholwa ngokubulala umfundi kwiDyunivesithi iWalter Sisulu ufake isicelo sebheyile kwinkundla kamantyi eMthatha ngoLwesibini.

Ujongene nokubulala, ukuzama ukubulala, ukuba nompu ongekho semthethweni ngenjongo yokwenza ulwaphulo-mthetho, ukuba nompu ongenalayisenisi kunye neembumbulu.

Uhlolisiso lomzimba sele lubonise ukuba uSisonke Mbolekwa wabulawa yimbumbulu.

Umtyholwa, uManelisi Mampane, uxelele inkundla ukuba waye wayokuthatha umpu wakhe ngethuba iqela labaqhankqalazi livusa uqhushululu ngaphandle kwendawo ahlala kuyo ngabafundi. Ukwavumile ukuba uwukhuphe lo mpu, esithi iqela labafana belikhaba ucango lwakhe ngokungakhathali.

Kodwa uthe injongo yakhe yayi kukudubula izithonga ezilumkisayo. Nangona kunjalo, uMampane uthi emva koko weva ezinye izithonga zidubula ngaphandle.

Ebonakala ezisola, wacela uxolo kwiintsapho zabafundi ababuleweyo nabonzakeleyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA