Umrhanelwa wesihlanu obanjiweyo malunga nokudutyulwa kukaceba weDA eKouga uye wavela kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngoLwesibini umhla wethoba (9) kuTshazimpuzi.
UCeba uJaques Alexander owadutyulwa wonzakala ngaphandle kwekomkhulu likaMasipala waseKouga kwindlela iDa Gama kweyoMdumba. UAndy Davids, oneminyaka engamashumi amathuthu anesine (-34),obanjwe ngomhla wamashumi amabini anesine (-24) kweyoKwindla e-TRT apho kuthe kwagaleleka ekhayeni lakhe eHumansdorp.
Ukubanjwa kwakhe kwenzeke kwisithuba esingangenyanga emva kokubanjwa kwabatyholwa naye abane, nabakwabekwe ityala lokuzama ukubulala.
NgoLwesibini, uDavids uvele enkundleni ephantsi kweliso lamapolisa. Ukanti ubeme nje, ethule enxibe ijean emnyama kunye nebhatyi emnyama yeFabiani.
Igqwetha lakhe, uIgnatius Heyns waseLessing, Heyns & Van der Bank Incorporated, uxelele inkundla ukuba uye wadibana noMtshutshisi woMbuso oza kujongana nesicelo sebheyile.
UHeyns uthe ucetyisiwe ukuba acele uhlehliselwe umhla weshumi elinesithoba (19) kuTshazimpuzi, nolusuku abaza kuvela ngalo abo atyholwa nabo bane.
Ngolu suku, umhla wesicelo sebheyile esisesikweni malunga nabo bonke abatyholwa uya kulungiselelwa.
Igqwetha laseGqeberha uBond Nyoka uzakuvela egameni likaMthumzi Lani, uLutho Mbatha, uLuciano Jacobs, kunye noAthenkosi Gidane.
UDavids uza kuhlala eluvalelweni.
Anita Qubula

