UMzantsi Afrika usengxakini enkulu yemali: Amaqela aphikisayo

Amaqela aphikisayo ePalamente athi ilizwe likwingxaki enkulu yemali, kwaye akukho ndlela icacileyo yokuyibalekela.

Le ibiyimpendulo kuMphathiswa wezeMali u-Enoch Godongwana kwiNgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (MTBPS) ebithiwe thaca ePalamente ngoLwesithathu.

Ilizwe lijongene namatyala akhulayo, kunye nenkangeleko yohlumo ethintelweyo ngenxa yohlumo loqoqosho lwehlabathi olubuthathaka kunye nemiqobo eqhubekayo yamandla.

Imibutho yezopolitiko ithi imeko imfiliba.

Kusenjalo Imibutho yezopolitiko efana neAfrican Christian Democratic Party (ACDP) kunye neNkatha Freedom Party (IFP) ithi ixhalabile kakhulu ngamatyala elizwe angalawulekiyo.

IFreedom Front Plus (FF Plus) kunye neNational Freedom Party (NFP) ithi akukho sicwangciso sokulungisa iingxaki ezigqubayo.

USekela Mongameli we-EFF uFloyd Shivambu uthi iMTBPS ayinaluvakalelo kwiimfuno zabantu baseMzantsi Afrika.

“Olu luhlahlo lwabiwo-mali olunobucukubhede, kukucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali lokuqala olwabiweyo. Ngoko ke, ukuba ujonga kulwahlulo lwemali eyingeniso ethe yaziswa nguMphathiswa wezeMali, inciphisa ngaphezu kwe-6.2 yeebhiliyoni zolwabiwo kuzo zonke izibonelelo zamaphondo kwaye leyo yinkxaso-mali eyayijongwe ukuba ijongane neziseko zoncedo lwezempilo, ngemfundo. iziseko ezingundoqo nkqu neenkqubo zenkxaso yokusetyenziswa komhlaba nezolimo kunye nezibonelelo eziya kunikezelwa ngokwesiqhelo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA