15.6 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Ukucutha amasebe athile angundoqo ekucutheni inkcitho: EzoQoqosho

Ingcali yezoQoqosho kwi-Efficient Group, uDawie Roodt uthi urhulumente unoxanduva lokucotha kohlumo loqoqosho. Uthi umyinge ophezulu wabantu abafumana inkxaso-mali bubungqina bokuba uqoqosho alukhuli.

UMphathiswa wezeziMali uEnoch Godongwana kungoku nje unikezela ngeNgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi.

UDawie uthi ukuze kucuthwe inkcitho karhulumente, uMphathiswa kufuneka acinge ngokuqhawula amanye amasebe angongezi ixabiso kuqoqosho.

“Kwaye isiqalo esihle kukuba uMphathiswa wezeMali aphakame ngale njikalanga athi, ‘Mamelani, ndiza kulunqumla lonke olu khuseleko lwenqanaba eliphezulu (VIP) kubantu abakwiimoto ezimnyama nezibane eziluhlaza. Oko kungumqondiso wokuba ndizimisele ngokwenene ekunciphiseni inkcitho karhulumente.’ Kwaye ke kukho amasebe amaninzi amele avalwe ngokulula. Kutheni sifuna iSebe lezeMidlalo? Ucinga ukuba yintoni umsebenzi kaSekela Mphathiswa wezeMidlalo? Ingaba wenza ntoni? Ngaba siyamfuna ngokwenene umntu onjalo? Kufuneka senze ezo ntlobo zezinto. Kufuneka sicuthe kwaye sirhoxise uninzi lwala masebe ngokucacileyo asebenzisa imali kwaye asidla imali engongezi naliphi na ixabiso kuqoqosho. ”

Ukanti Urhulumente wongeza isibonelelo se-COVID-19 ye-Social Relief Distress nge-R34 bhiliyoni. Imali eyongezelelekileyo iya kwabelwa impilo, imfundo, kunye neenkonzo zamapolisa

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
72 %
4.9kmh
88 %
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
23 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks