UNabi uzakubolekisa ngabanye abadlali beChiefs

Umqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs umanxadanxada neqela lakhe balungiselela isizini entsha ka2024/25 nezakuvulwa kwinyanga ezayo. UNareddine Nabi sele exelele abaphathi beliqela ukuba akamfumi umdlali waphambili weliqela uSaile.

uNabi netechnical team yakhe sele bebapopole abadlali babo baze banabadlali abazakubakhulula nabazakubolekisa ngabo kwamanye amaqela kodwa okwangoku basaphuma noChristian Saile omakakhululwe eNaturena.

uSaile ngumdlali wesine(4) ukunikwa umnyango nekunokwenzeka kubolekiswe ngaye kodwa kuvakala ukuba ngumdlali wesihlanu(5) ukukhonjwa nguNabi ukuba akhululwe kungenjalo kubolekiswe ngaye.

Amakhosi afuna ukukwazi ukukhuphisana namaqela afana ne-orlando Pirates neMamelodi Sundowns yiyo lonto befuna abadlali abangenantloni xa bebona umnatha okanye bephambi kweepali.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA