UNikwe izigwebo zobomi ezine umqhubi weteksi osisidlwengu.

By Asipile Kitchen.

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Koloni, eGqeberha, igwebe umqhubi weteksi, uThembelani Mrwetyana (26), izigwebo ezine zobomi ngokudlwengula, ishumi elinesihlanu (15) leminyaka emibini ngokuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi, neminyaka emithandathu (6) ephindwe kabini ngokuxhwila.

Ezi zigwebo zibhekiselele kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo apho uMrwetyana ekunye nogxa wakhe basebenzise iteksi ukurhwebesha abasetyhini ababengabacingeli, abathi emva koko babakhuthuza baze babadlwengula.

Ngentsasa yomhla wesibhozo (08) kweyeDwarha 2021, ummangali wokuqala wakhwela iteksi eGqeberha. Emva kokuba bonke abanye abakhweli behlile, wasala yedwa nomqhubi kunye noMrwetyana owayengumgewu. Wathi akucela ukwehla, umqhubi wala ukumisa. UMrwetyana wamkrwitsha wanyanzela intloko yakhe phakathi kwezitulo ezingaphambili. Umqhubi wamgrogrisa ngento ebukhali ngelixa uMrwetyana embambe emcinezele.

Baqhuba baya kwindawo ekude apho umqhubi wakhupha iikhondom kwideshibhodi. Kwizikhalo zommangali ecela ekwabongoza ukuba angonzakaliswa, umqhubi wakrazula impahla yexhoba ngemela waze wamdlwengula.

Wamdlwengula ngaphandle kokusebenzisa ukhuseleko. Emva kokweba izinto zakhe, bamshiya. Ixhoba lazicenga likhangela uncedo kwindlela ekufutshane, waze wamisa iveni yamapolisa wasiwa kwisikhululo samapolisa esikufuphi ukuya kuchaza ulwaphulo-mthetho.

Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeNkanga 2021, ummangali wesibini wayesendleleni eya emsebenzini xa wakhwela iteksi kunetha. UMrwetyana kunye nomqhubi yayingabo kuphela abanye ababekhwele. Endaweni yokuba ayokothula ixhoba, umqhubi wathabatha uhola wendlela. UMrwetyana watsibela kwisitulo esingasemva, wamvala amehlo, bamdlwengula bobabini. Bamehlisa kwindawo ephithizelayo baza bamyalela ukuba abaleke. Impahla yakhe, kuquka ifowuni, isazisi, amakhadi ebhanki, izitshixo kunye nezinto zokusebenza abamnika.

UMrwetyana wafunyanwa enetyala ngo-2023 ngokuxhwila, ukudlwengula, ukugrogrisa ngokwesondo, kunye nokuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi, awazenza ngoCanzibe ka-2022. Wayanyaniswa namatyala amabini odlwengulo enziwa ngo-2021 ngeesampuli zeDNA ezafunyanwa ngo-2022.

UMbuso, omelwe liGqwetha loMbuso eliPhezulu uIsmat Cerfontein, kunye nomkhuseli bangene kwisivumelwano sesibongozo nesigwebo. Omabini amaxhoba angenise iingxelo zempembelelo ezichaza ifuthe elibi kubomi babo. Enikela isigwebo, ijaji yagxininisa impembelelo eqatha yolwaphulo-mthetho olunayo kumaxhoba, yaza yazamkela izigwebo ezikwisivumelwano njengezifanelekileyo phantsi kweemeko.

Inkundla iyalele ukuba izigwebo zakhe ziqhutywe ngaxeshanye yaze yaphinda yamchaza uMrwetyana ukuba akafanelekanga ukuba nompu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA