20.2 C
King William's Town
Saturday, January 25, 2025

Unogada wemvumi edumileyo engasekhoyo ubanjwe kuphando lobuqhophololo lakwaNokholeji.

UKhan nabanye abalishumi elinesine bebevele kwinkundla kamantyi yaseDimbaza eMpuma Koloni ngoLwesibini (02 Tshazimpunzi 2024) emva kokubanjwa kwabo kwimpelaveki yePasika.

Ekuqaleni, amapolisa athi abarhanelwa bajongene nothotho lwamatyala aquka ubuqhophololo, ukuxhwila abantu, ukubulala kunye nokuzama ukubulala.

Nangona kunjalo iGunyabantu lezoTshutshiso lweSizwe (NPA) luqinisekisile ukuba bonke abalishumi (15) bajongene nezityholo zobuqhophololo, ubuqhetseba, ukubalala kunye nokuzama ukubulala.

Ukuza kuthi ga ngoku, bangamashumi amabini anesihlanu (25) abantu ababanjiweyo abayanyaniswa nolwaphulo-mthetho kwiDyunivesithi yaseFort Hare, abanye bejongene namatyala okubulala nokuzama ukubulala.

Umanejala wezithuthi zaseFort Hare uPeet Roets wadutyulwa ngenyanga kaCanzibe ku-2022. NgeyoMqungu ku-2023, unogada uMboneli Vesele wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwendlu kasekela-ngqonyela weDyunivesithi uSakhela Buhlungu kwilinge ekukholelwa ukuba lalijoliswe sekela-tshansela.

Kubantu ababanjiweyo kukho abaphathi beeteksi baseKZN kunye nepolisa elineminyaka engamashumi amathathu ananye (31) eMpuma Koloni, uConstable Lindokuhle Manjati.

Umkomishinala wamapolisa kuzwelonke kwiNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika, uNjengele Fannie Masemola uthi kukho iqela elisebenza nzima ukuze lifumanise ukuba ngubani oyena uphembelela ubuqhophololo, ubuqhetseba kunye nokubulawa kwabantu kule dyunivesithi.

“Bazakuthi gqolo ukuphanda nokuzingela abo bafunyenwe benesandla kuyo nayiphi na into embi,” utshilo uMasemola.

“Injongo yethu kukuzisa phambi kwenkundla, ityala elizakukwazi ukuma enkundleni nabo bonke ubungqina obuqokelelwe liqela.”

Isithethi seNPA eMpuma Koloni sithe ityala lirhoxisiwe de kwangoLwesithathu ukuze kufakwe isicelo sebheyile kwaye abatyholwa abalishumi elinesihlanu bazakuhlala ngaphaya kwezitshixo.

Abamangalelwa ngaba: Isaac Plaatjies, Anna Smith, Paul Tladi, Lucrecia Davids, Mbulelo Gingcana, Loius Mawila, Nozuko Mabombo, Gosain van der Haar, Thamsanqa Sonjica, Terrence Joubert, Bradley Conradie, Sarah Burger, Craig Retief, noNthabiseng Makhoba.

UKhan ongumnini we-Pentagon Group, i-arhente yokhuseleko yabucala e-KZN, wayengunogada ka-AKA iminyaka.

By Siyakholwa Vuso

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
99 %
1.2kmh
46 %
Fri
20 °
Sat
35 °
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks